I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 31:1-31

31  Amazwi kaLemuweli ukumkani, isigidimi esinzima+ awasinikwa ngunina ukumlungisa:+  Ndithetha ntoni na, nyana wam, yini na, nyana wesisu sam,+ nyana wezibhambathiso zam?+  Musa ukuwanika amabhinqa amandla akho,+ neendlela zakho koko kukhokelela ekubhangiseni ookumkani.+  Akubafanelanga ookumkani, Lemuweli, akubafanelanga ookumkani ukusela iwayini okanye amagosa aphakamileyo ukuthi: “Siphi na isiselo esinxilisayo?”+  akafanele asele kuba hleze akulibale okumiselweyo aze aligqwethe ibango lakhe nawuphi na koonyana benkxwaleko.+  Isiselo esinxilisayo, sinikeni otshabalalayo+ newayini yinikeni abo bamphefumlo ukrakra.+  Makasele ubani aze alibale ubuhlwempu bakhe, yaye angabi sazikhumbula iinkathazo zakhe.  Wuvulele ongathethiyo+ umlomo wakho, ngebango labo bonke abo badlulayo.+  Wuvule umlomo wakho, ugwebe ngobulungisa uze ugwebe ityala loxhwalekileyo nolihlwempu.+ א [ʼA′leph] 10  Umfazi ofanelekileyo ngubani na onokumfumana?+ Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kwelekorale. ב [Behth] 11  Ikholose ngaye ntliziyo yomnini wakhe, yaye akusweleki nzuzo.+ ג [Gi′mel] 12  Umvuza ngokulungileyo, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe.+ ד [Da′leth] 13  Ufuna uboya nelinen, yaye usebenza nantoni na eziyoliswa yiyo izandla zakhe.+ ה [Heʼ] 14  Unjengeenqanawa zomrhwebi.+ Ukutya kwakhe ukungenisa kuvela kude. ו [Waw] 15  Uvuka kwasebusuku,+ aze ayinike ukutya indlu yakhe nezabelo zawo amabhinqa akhe aselula.+ ז [Za′yin] 16  Ucinga ngentsimi aze ayizuze;+ ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.+ ח [Chehth] 17  Ubhinqa amandla emanqeni akhe, azomeleze iingalo zakhe.+ ט [Tehth] 18  Uyaqonda ukuba ukurhweba kwakhe kulungile; isibane sakhe asicimi ebusuku.+ י [Yohdh] 19  Uzibeka entongeni yokuluka izandla zakhe, yaye izandla zakhe zibamba intonga yokusonta.+ כ [Kaph] 20  Isandla sakhe usolulela oxhwalekileyo, aze azolulele olihlwempu izandla zakhe.+ ל [La′medh] 21  Indlu yakhe akayoyikeli ngenxa yekhephu, kuba yonke indlu yakhe yambatha izambatho ngambini.+ מ [Mem] 22  Izigqubuthelo zomandlalo+ uzenza ngokwakhe. Isinxibo sakhe seselinen noboya obudaywe bamfusa bubomvu.+ נ [Nun] 23  Umnini wakhe+ uyaziwa emasangweni,+ xa ehlala phantsi namadoda amakhulu elizwe. ס [Sa′mekh] 24  Wenza kwanezambatho zangaphantsi+ aze azithengise, neebhanti uzinika umrhwebi. ע [ʽA′yin] 25  Ngamandla nobungangamsha isinxibo sakhe,+ yaye usuka ahleke ngemini ezayo.+ פ [Peʼ] 26  Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko,+ nomthetho wobubele bothando uselulwimini lwakhe.+ צ [Tsa·dheh′] 27  Uyayondela ihambo yendlu yakhe, yaye akasidli isonka sobuvila.+ ק [Qohph] 28  Oonyana bakhe bayaphakama bambhengeze enoyolo;+ umnini wakhe uyaphakama, aze amdumise.+ ר [Rehsh] 29  Zininzi iintombi ezibonakala zifanelekile,+ kodwa wena—wena uzigqwesa zonke.+ ש [Shin] 30  Umtsalane usenokuba yinkohliso,+ nobuhle busenokuba lilize;+ kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.+ ת [Taw] 31  Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe,+ imdumise emasangweni imisebenzi yakhe.+

Umbhalo osemazantsi