Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 29:1-27

29  Umntu owohlwaywa ngokuphindaphindiweyo+ kodwa ayenze lukhuni intamo+ yakhe uya kwaphulwa ngequbuliso, aze angaphiliswa.+  Xa esiba maninzi amalungisa, abantu baba nemihlali;+ kodwa xa kulawula ongendawo, abantu bayancwina.+  Umntu othanda ubulumko umenza abe nemihlali uyise,+ kodwa oliqabane noonongogo utshabalalisa izinto zexabiso.+  Ukumkani ulimisa ngokusesikweni ilizwe,+ kodwa umntu owamkela isinyobo uyalichitha.+  Indoda eyomeleleyo ekhohlisa iqabane layo+ yaneka umnatha emanyathelweni ayo.+  Ekunxaxheni komntu onobubi kukho umgibe,+ kodwa olilungisa umemelela ngovuyo aze achulumance.+  Ilungisa liyalazi ibango elisemthethweni lezisweli.+ Ongendawo akakuqwalaseli ukwazi okunjalo.+  Abantu bentetho yokuqhayisa baxokozelisa idolophu,+ kodwa abo bazizilumko bayawubuyisa umsindo.+  Umntu osisilumko omangalelana nomntu osisidenge—uyavuseleleka aze ahleke, yaye akaphumli.+ 10  Umntu onxanelwe igazi uyamthiya ongenakusoleka;+ yaye abathe tye, baqhubeka befuna umphefumlo wakhe ngamnye.+ 11  Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.+ 12  Apho umlawuli anikela ingqalelo kwintetho yobuxoki, bonke abo bamnyamekelayo baya kuba ngabangendawo.+ 13  Osweleyo nomntu ongumcinezeli bayahlangabezana;+ kodwa uYehova uyawakhanyisela amehlo abo bobabini.+ 14  Apho ukumkani agweba abasweleyo ngenyaniso,+ itrone yakhe iya kumiselwa ngokuqinileyo lonke ixesha.+ 15  Intonga nesohlwayo zinika ubulumko;+ kodwa inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.+ 16  Xa besiba baninzi abangendawo, ukunxaxha kuyaphuphuma; kodwa abo bangamalungisa baya kukubona ukuwa kwabo.+ 17  Mbethe unyana wakho yaye uya kukuzisela ukuphumla awuyolise umphefumlo wakho.+ 18  Apho kungekho mbono abantu abathintelwa,+ kodwa banoyolo abo bawugcinayo umthetho.+ 19  Umkhonzi akayi kuzivumela alungiswe ngamazwi nje,+ ngokuba uyaqonda kodwa akanikeli ngqalelo.+ 20  Uyambona na umntu ongxamayo ngamazwi akhe?+ Kukho ithemba ngakumbi kumntu osisiyatha kunaye.+ 21  Ukuba ubani umtefisa kwasebutsheni umkhonzi wakhe, kamva ekuphileni kwakhe uya kuba ngongenambulelo. 22  Umntu onomsindo uxhokonxa usukuzwano,+ yaye nabani na otyekele emsindweni unokunxaxha okuninzi.+ 23  Ikratshi lomntu wasemhlabeni liya kumthoba,+ kodwa onomoya othobekileyo uya kufumana uzuko.+ 24  Olidlelane nesela uthiya umphefumlo wakhe.+ Uyasiva isiqalekiso esifungelweyo, kodwa angaxeli.+ 25  Ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe,+ kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.+ 26  Baninzi abo bafuna ubuso bomlawuli,+ kodwa umgwebo womntu uvela kuYehova.+ 27  Umntu wokungekho sikweni uyinto ecekisekayo kwabangamalungisa,+ yaye othe tye endleleni yakhe uyinto ecekisekayo kongendawo.+

Umbhalo osemazantsi