I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 27:1-27

27  Musa ukuqhayisa ngemini elandelayo,+ kuba akukwazi okuya kuzalwa yiloo mini.+  Mawudunyiswe ngowasemzini, ingabi ngowakho umlomo; mayibe ngowasemzini, ingabi yeyakho imilebe, eyenjenjalo.+  Ubunzima belitye nomthwalo wentlabathi+—kodwa ingqumbo yesidenge inzima ngaphezu kwazo zombini.+  Kukho inkohlakalo yomsindo, kukwakho nomkhukula womsindo,+ kodwa ngubani na onokuma phambi kwekhwele?+  Silunge ngakumbi isohlwayo esityhilekileyo+ kunothando olufihliweyo.  Amanxeba othandayo athembekile,+ kodwa ukwanga kothiyayo zizinto zokubongozwa.+  Umphefumlo owanelisekileyo uya kunyathela inqatha lobusi, kodwa kumphefumlo olambileyo yonke into ekrakra imnandi.+  Kanye njengentaka ibhabha isimka kwindlwane yayo,+ unjalo umntu osaba kwindawo yakhe.+  Ioli nesiqhumiso+ zenza intliziyo ibe nemihlali, nobumnandi beqabane likabani buvela ekucebeni komphefumlo.+ 10  Musa ukulilahla iqabane lakho okanye iqabane likayihlo, yaye musa ukungena endlwini yomzalwana wakho ngemini yentlekele yakho. Ulunge ngakumbi ummelwane okufuphi kunomzalwana okude.+ 11  Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam,+ ukuze ndimphendule ondingcikivayo.+ 12  Onobuqili uyayibona intlekele azifihle;+ ke abangenamava badlula kuyo bafumane isohlwayo.+ 13  Thabatha isambatho sikabani, ukuba kunokwenzeka abe umele owasemzini;+ yaye kwimeko yomfazi wasemzini, mthimbele isibambiso.+ 14  Obonga idlelane lakhe ngelizwi elikhulu ekuseni, oko kuya kugqalwa njengesiqalekiso kuye.+ 15  Umfazi onosukuzwano ufana nophahla oluvuzayo olugxotha ubani ngemini yemvula enganqumamiyo.+ 16  Omkhuselayo ukhusela umoya, yaye isandla sakhe sokunene siqubisene neoli. 17  Intsimbi, ilolwa ngentsimbi. Ngoko umntu ulola ubuso bomnye.+ 18  Olondoloza umkhiwane uya kutya isiqhamo sawo,+ yaye olinda inkosi yakhe uya kubekwa.+ 19  Njengasemanzini ubuso buyelelene nobuso, injalo intliziyo yomntu kweyomnye umntu. 20  IShiyol nendawo yentshabalalo+ azaneli;+ namehlo omntu akaneliswa.+ 21  Imbiza yokusulungekisa yeyesilivere,+ neziko lelegolide;+ nomntu uvumelana nokudunyiswa kwakhe.+ 22  Enoba uthe wasiguba sacoleka isidenge ngentsimbi esingqushweni, phakathi kokudla okuziinkozo okungqushiweyo, ubudenge baso abuyi kumka kuso.+ 23  Umele uyazi imbonakalo yomhlambi wakho. Beka intliziyo yakho emihlambini yakho;+ 24  kuba ubuncwane abuyi kuba bobexesha elingenammiselo,+ nesithsaba asiyi kuba kuzo zonke izizukulwana. 25  Ingca eluhlaza iyemka, ize ingca entsha ibonakale, buze buhlanganiswe utyani beentaba.+ 26  Amatakane eegusha aziinkunzi asisinxibo sakho,+ yaye iinkunzi zebhokhwe zilixabiso lentsimi. 27  Kukho ubisi lweebhokhwe olulingene ukutya kwakho, ukutya kwendlu yakho, nokuphila+ kwamantombazana akho.

Umbhalo osemazantsi