I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 26:1-28

26  Njengekhephu ehlotyeni nanjengemvula ngexesha lokuvuna,+ lunjalo ukungasifaneli isinyabi uzuko.+  Kanye njengokuba intaka inesizathu sokubhabha nenkonjane inesizathu sokuphaphazela, ngokunjalo isiqalekiso asibikho ngaphandle kwesizathu sokwenene.+  Isabhokhwe sesehashe,+ umkhala+ ngowe-esile, yaye intonga yeyomhlana wabantu abaziziyatha.+  Musa ukusiphendula isiyatha ngokobudenge baso, ukuze nawe ungalingani naso.+  Siphendule isiyatha ngokobudenge baso, ukuze singabi sisilumko emehlweni aso.+  Unjengosika unyawo lwakhe, njengoziselela nje ugonyamelo, ofaka imibandela esandleni sesiyatha.+  Ngaba imilenze yesiqhwala iyawakha amanzi? Ngoko kukho umzekeliso emlonyeni wabantu abaziziyatha.+  Njengovala ilitye kwimfumba yamatye, unjalo olunika isiyatha uzuko.+  Njengokhula olunameva oluphume esandleni senxila, unjalo umzekeliso emlonyeni wabantu abaziziyatha.+ 10  Unjengomtoli ohlaba yonk’ into ubani oqesha isiyatha+ okanye oqesha odlulayo. 11  Kanye njengenja ibuyela emhlanzweni wayo, sinjalo isiyatha ukubuphinda ubudenge baso.+ 12  Ngaba ukhe wambona umntu osisilumko kwawakhe amehlo?+ Kukho ithemba ngakumbi kosisiyatha+ kunaye. 13  Ivila lithi: “Kukho ingonyama entsha endleleni, ingonyama iphakathi kweendawo zembutho.”+ 14  Ucango lujinga kwiihenjisi zalo, linjalo nevila phezu kwesingqengqelo salo.+ 15  Ivila lifihla isandla salo kwisitya sesidlo; likutyhafele kakhulu ukusibuyisela emlonyeni walo.+ 16  Ivila lilumke ngakumbi kwawalo amehlo+ ngaphezu kunabasixhenxe abaphendula ngengqiqo. 17  Unjengobamba inja ngeendlebe odlulayo aze avuthe ngumsindo ngengxabano engeyoyakhe.+ 18  Kanye njengobani ophambeneyo otola imijukujelwa yomlilo,+ iintolo nokufa, 19  unjalo umntu okhohlisa idlelane lakhe aze athi: “Bendingaziyolisi na?”+ 20  Apho kungekho nkuni uyacima umlilo, nalapho kungekho mnyelisi usukuzwano luyadamba.+ 21  Njengamalahle eenkuni avuthayo neenkuni zomlilo, unjalo umntu onosukuzwano ukuphemba ingxabano.+ 22  Amazwi omnyelisi anjengezinto eziginywa ngokubawa, ehlela embilinini wesisu.+ 23  Injengokubengezela kwesilivere eyalekwe phezu kweceba lengqayi imilebe evuthayo kunye nentliziyo embi.+ 24  Ngemilebe yakhe othiyayo uzenza angaqondakali, kodwa ngaphakathi ubeka inkohliso.+ 25  Nangona elenza libe mnandi ilizwi lakhe,+ musa ukumkholelwa,+ kuba kukho izinto+ ezisixhenxe ezicekisekayo entliziyweni yakhe. 26  Intiyo igutyungelwa ngenkohliso. Ububi bakhe buya kutyhilwa ebandleni.+ 27  Owemba umhadi uya kuwela kuwo,+ yaye oqengqa ilitye lisuke—liya kubuyela kuye.+ 28  Ulwimi oluxokayo luyamthiya otyunyuziweyo lulo,+ yaye umlomo onkwalambisayo ubangela ubhukuqo.+

Umbhalo osemazantsi