I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 25:1-28

25  Nale yimizekeliso kaSolomon+ eyakhutshelwa ngamadoda kaHezekiya ukumkani wakwaYuda:+  Uzuko lukaThixo kukugcina umbandela oyimfihlelo,+ yaye uzuko lookumkani kukugocagoca umbandela.+  Ukuphakama kwamazulu+ nobunzulu bomhlaba,+ nentliziyo yookumkani, oko akuphengululeki.+  Shenxisa intlenge kwisilivere, kwaye yonke iya kusulungeka.+  Mabashenxiswe abangendawo phambi kokumkani,+ ize itrone yakhe imiselwe ngokuqinileyo ngobulungisa.+  Musa ukuzibeka ezimbekweni phambi kokumkani,+ yaye musa ukuma endaweni yezikhulu.+  Ngokuba kulunge ngakumbi ngaye ukuthi kuwe: “Yiza apha,”+ kunokuba akuthobe phambi kwesidwangube esibonwe ngamehlo akho.+  Musa ukungxama ngokuya kuchophela ityala, ukuze kungabuzwa nto ngoko uya kukwenza ekuqoshelisweni kwalo xa idlelane lakho likuthoba.+  Gweba ibango lakho kunye nedlelane lakho,+ uze ungalityhili igqugula lomnye;+ 10  ukuze angakuhlazisi okuphulaphuleyo yaye ingxelo embi ngawe ingabi nakukhunjulwa. 11  Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.+ 12  Licici legolide, nesihombo segolide esikhethekileyo, umohlwayi kwindlebe evayo.+ 13  Unjengokuphola kwekhephu+ ngomhla wesivuno umthunywa kwabo bamthumayo, kuba ubuyisela kanye umphefumlo weenkosi zakhe.+ 14  Ungamafu anomoya nomoya ongenazantyalantyala zemvula umntu oqhayisa ngesipho sobuxoki.+ 15  Ngomonde umphathi uyacengeka, yaye ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.+ 16  Ngaba ufumene ubusi?+ Yidla obukulingeneyo, uze ungathabathi obuninzi kakhulu uze ubuhlanze.+ 17  Lunqabise unyawo lwakho kwindlu yedlelane lakho, ukuze lingadikwa nguwe lize likuthiye. 18  Unjengegqudu lokulwa nekrele notolo oluloliweyo umntu ongqina ubugqina bobuxoki ngedlelane lakhe.+ 19  Injengezinyo elaphukileyo, nonyawo oluxengaxengayo intembelo kozingqina eliqhophololo ngemini yokubandezeleka.+ 20  Okhulula isambatho ngemini yengqele unjengeviniga phezu kwealkali nanjengemvumi yeengoma kwintliziyo edakumbileyo.+ 21  Ukuba okuthiyayo ulambile, mnike isonka adle; yaye ukuba unxaniwe, mnike amanzi asele.+ 22  Kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yakhe,+ yaye uYehova uya kukuvuza.+ 23  Umoya ovela emntla uzisa izantyalantyala zemvula ngokungathi kungenimba;+ yaye ulwimi oludiza imfihlelo, bubuso obuqalekisiweyo.+ 24  Kulunge ngakumbi ukuhlala phezu kwembombo yophahla kunokuhlala endlwini nomfazi onosukuzwano.+ 25  Njengamanzi abandayo emphefumlweni odiniweyo,+ injalo ingxelo elungileyo evela kwilizwe elikude.+ 26  Ngumthombo ongcolileyo nequla elonakeleyo olungileyo xa ehexa phambi kongendawo.+ 27  Ukudla ubusi obuninzi akulunganga;+ nabantu xa befuna uzuko lwabo, ngaba luzuko?+ 28  Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga, umntu ongenakuwuthintela umoya wakhe.+

Umbhalo osemazantsi