I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 23:1-35

23  Ukuba kunokwenzeka uhlale phantsi ukuba udle nokumkani, ufanele uqwalasele ngenkuthalo oko kuphambi kwakho,+  yaye umele ubeke isitshetshe emqaleni wakho ukuba unolangazelelo.+  Musa ukukunqwenela ukutya kwakhe okunencasa, njengoko ikukutya kobuxoki.+  Musa ukubulalekela ukuzuza ubutyebi.+ Yeka okwakho ukuqonda.+  Ngaba uya kubukrwaqula ngamehlo akho na, ekubeni bungeyonto?+ Kuba bona buzenzela amaphiko njengokhozi buze buphaphazele businge emazulwini.+  Musa ukudla ukutya kwakhe nabani na oneliso elingenasisa,+ ungakunqweneli ukutya kwakhe okunencasa.+  Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, unjalo yena.+ “Yidla usele,” utsho njalo kuwe, kodwa intliziyo yakhe ayikho kuwe.+  Iqhekeza olidlileyo, uya kulihlanza liphume, ube uwalahlile amazwi akho athandekayo.+  Musa ukuthetha endlebeni yesiyatha,+ kuba siya kuwadelela amazwi akho anengqondo.+ 10  Musa ukuwunciphisa umda wakudala,+ ungangeni entsimini yamakhwenkwe angenayise.+ 11  Kuba uMkhululi wawo womelele; yena ngokwakhe uya kugweba ityala lawo kuwe.+ 12  Yinikele intliziyo yakho kwingqeqesho nendlebe kumazwi okwazi.+ 13  Musa ukuluyeka uqeqesho enkwenkweni.+ Ukuba uthe wayibetha ngentonga, ayisayi kufa. 14  Ufanele uyibethe ngentonga, ukuze uwuhlangule umphefumlo wayo eShiyol.+ 15  Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho,+ iya kuba nemihlali intliziyo yam, eyam kanye.+ 16  Yaye izintso zam ziya kugcoba xa imilebe yakho ithetha okuthe tye.+ 17  Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni,+ kodwa yoyika uYehova imini yonke.+ 18  Ngaloo ndlela uya kuba nekamva,+ yaye ithemba lakho aliyi kunqunyulwa.+ 19  Wena ke, nyana wam, yiva uze ube nobulumko, ukhokele intliziyo yakho endleleni.+ 20  Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu,+ phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla.+ 21  Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka,+ yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.+ 22  Mphulaphule uyihlo okuzeleyo,+ yaye ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.+ 23  Thenga inyaniso,+ ungathengisi ngayo—ubulumko, ingqeqesho nokuqonda.+ 24  Uyise welungisa ngaphandle kwamathandabuzo uya kuvuya;+ nalowo uzala isilumko uya kuba nemihlali ngaso.+ 25  Uyihlo nonyoko baya kuba nemihlali, yaye lowo ukuzeleyo uya kuvuya.+ 26  Nyana wam, ndinike intliziyo yakho, yaye ngamana amehlo akho angakholiswa ziindlela zam.+ 27  Kuba unongogo ngumhadi+ onzulu yaye umfazi wasemzini liqula elimxinwa. 28  Ngokuqinisekileyo, kanye njengomphangi, uyalalela;+ yaye phakathi kwabantu uyawandisa amaqhophololo.+ 29  Ngubani na othi yeha? Ngubani na onokungakhululeki? Ngubani na onosukuzwano?+ Ngubani na oxhalabileyo? Ngubani na onamanxeba ngaphandle kwesizathu? Ngubani na onorhatyazo emehlweni? 30  Ngabo bahlala ixesha elide ewayinini,+ abo bafika befuna iwayini ephithikeziweyo.+ 31  Musa ukuyikhangela iwayini xa ivelisa umbala obomvu, xa ibengezela endebeni, xa isihla ngokulula. 32  Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,+ yaye ikhupha ityhefu njengerhamba.+ 33  Amehlo akho aya kubona izinto ezingaqhelekanga, yaye intliziyo yakho iya kuthetha izinto ezigwenxa.+ 34  Yaye ngokuqinisekileyo uya kuba njengolele esazulwini solwandle, kwananjengolele phezu kwemasti.+ 35  “Bandibethile, kodwa andagula; bandintlithile, kodwa andakwazi oko. Ndiya kuvuka nini na?+ Ndiya kufuna engakumbi.”+

Umbhalo osemazantsi