I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 22:1-29

22  Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi;+ ubabalo lulunge ngakumbi kunesilivere negolide.+  Osisityebi nosweleyo bayahlangabezana.+ UMenzi wabo bonke nguYehova.+  Onobuqili ubona intlekele azifihle,+ kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.+  Umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, uzuko nobomi.+  Ameva nezibatha zisendleleni yonobugwenxa;+ olinda umphefumlo wakhe uhlalela kude kuzo.+  Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo;+ naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.+  Isityebi siyabalawula abo basweleyo,+ yaye obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.+  Ohlwayela intswela-bulungisa uya kuvuna okwenzakalisayo,+ kodwa kanye intonga yokuphuphuma kwakhe umsindo iya kuphela.+  Oneliso elinobubele uya kusikelelwa, kuba ukunika isisweli ukutya kwakhe.+ 10  Gxotha umgculeli, nokuze kuphele usukuzwano nembambano yomthetho nehlazo.+ 11  Othanda ukusulungeka kwentliziyo+—ngomtsalane wolwimi lwakhe uya kuba liqabane likakumkani.+ 12  Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi,+ kodwa uyawabhukuqa amazwi eqhophololo.+ 13  Ivila lithi:+ “Kukho ingonyama phandle!+ Phakhathi kweendawo zembutho ndiya kubulawa!” 14  Umlomo womfazi wasemzini ngumhadi onzulu.+ Oqalekiswa nguYehova uya kuwela kuwo.+ 15  Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe;+ intonga yengqeqesho iya kubushenxisela kude kuyo.+ 16  Oqhatha isisweli ukuze azongeze izinto ezininzi,+ kwanonika isityebi, ngokuqinisekileyo umiselwe ukuswela.+ 17  Thoba indlebe yakho uze uve amazwi ezilumko,+ ukuze uyinikele kanye intliziyo yakho ukwazi kwam.+ 18  Kuba kuyathandeka ukuba uwagcine esiswini sakho,+ ukuze amiselwe ngokuqinileyo kunye phezu kwemilebe yakho.+ 19  Ukuze intembelo yakho ibe kuYehova+ ndikunike ukwazi namhlanje, wena kanye. 20  Andikubhalelanga na ngaphambili ngamacebiso nokwazi,+ 21  ukuze ndikubonise amazwi enyaniso, ukuba uphendule ngamazwi enyaniso—kokuthumayo?+ 22  Musa ukusiphanga isisweli ngenxa yokuba siswele,+ yaye ungamtyumzi oxhwalekileyo esangweni.+ 23  Kuba uYehova uya kuligweba ibango labo,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuwuphanga umphefumlo wabo babaphangayo.+ 24  Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo;+ yaye ungahlali nomntu obhabhama ngumsindo, 25  khon’ ukuze ungaqhelani nomendo wakhe kuze oko kube ngumgibe emphefumlweni wakho.+ 26  Musa ukuba phakathi kwabo baxhawulana ngezandla,+ phakathi kwabo baba zizibambiso zeemboleko.+ 27  Ukuba akunanto yakuhlawula, kutheni ethabatha umandlalo wakho ngaphantsi kwakho? 28  Musa ukuwunciphisa umda wakudala, abawenzayo ookhokho bakho.+ 29  Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani;+ akayi kuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.

Umbhalo osemazantsi