I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 21:1-31

21  Intliziyo yokumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+ Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+  Zonke iindlela zendoda zithe tye emehlweni ayo,+ kodwa uYehova ucikida iintliziyo.+  Ukuqhuba ubulungisa nesigwebo uyakukhetha ngakumbi uYehova kunombingelelo.+  Amehlo anekratshi nentliziyo ekhukhumeleyo,+ isibane sabangendawo, zisisono.+  Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo,+ kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.+  Ukufumana ubuncwane ngolwimi oluxokayo ngumphunga ophephethekayo,+ kwimeko yabo bafuna ukufa.+  Ukuphanga kanye kwabangendawo kuya kubarhuqa bemke,+ kuba balile ukwenza okusesikweni.+  Umntu, kwanowasemzini, indlela yakhe igwenxa;+ kodwa osulungekileyo uthe tye emsebenzini wakhe.+  Kulunge ngakumbi ukuhlala phezu kwembombo+ yophahla, kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onosukuzwano.+ 10  Umphefumlo wongendawo unqwenela okubi;+ idlelane lakhe aliyi kukholeka emehlweni akhe.+ 11  Ngokuhlawuliswa komgculeli ongenamava uba nobulumko;+ yaye xa ubani enika isilumko ingqiqo sifumana ukwazi.+ 12  Lowo Ulilungisa uyinikela ingqalelo indlu yongendawo,+ ubhukuqela abangendawo kwintlekele yabo.+ 13  Ke nabani na ovingca indlebe yakhe kwisikhalo esimangalayo sesisweli,+ naye uya kukhala aze angaphendulwa.+ 14  Isipho esenziwa emfihlekweni sithoba umsindo;+ nesinyobo esifubeni,+ sithoba umsindo omkhulu. 15  Kuyimihlali kwilungisa ukwenza okusesikweni,+ kodwa kukho nto ithile inkwantyisayo kwabo baqhelisela okwenzakalisayo.+ 16  Ke umntu ophambukayo endleleni yengqiqo,+ uya kuphumla kanye kwibandla labo bangenamandla ekufeni.+ 17  Othanda iziyunguma uya kuba ngumntu osweleyo;+ othanda iwayini neoli akayi kubuzuza ubutyebi.+ 18  Ongendawo uyintlawulelo yelungisa;+ yaye owenza ngobuqhophololo uthabatha indawo yabathe tye.+ 19  Kulunge ngakumbi ukuhlala kwilizwe elisentlango kunokuhlala  nomfazi onosukuzwano kunye nengqumbo.+ 20  Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisendaweni ehlala isilumko,+ kodwa umntu osisiyatha uyaziginya.+ 21  Osukela ubulungisa+ nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.+ 22  Isilumko sinyukela kwanakwisixeko sendoda eyomeleleyo, sihlise amandla entembelo yaso.+ 23  Ogcina umlomo wakhe nolwimi lwakhe ugcina umphefumlo wakhe ekubandezelekeni.+ 24  Igama lalowo uzivuthisa ngomsindo wokuzikhukhumalisa ngumgwagwisi onekratshi nozidlayo.+ 25  Umnqweno wevila uya kulibulala, ngokuba izandla zalo ziyala ukusebenza.+ 26  Imini yonke lizibonakalisa linqwenela ngolangazelelo, kodwa ilungisa liyapha, alivimbi.+ 27  Umbingelelo wabangendawo yinto ecekisekayo.+ Kobeka phi na xa ubani ewuzisa kunye nehambo evakalala.+ 28  Ingqina elixokayo liya kutshabalala,+ kodwa umntu ophulaphulayo uya kuthetha ngonaphakade.+ 29  Umntu ongendawo uzenze okhaliphileyo,+ kodwa othe tye uya kuzimisela ngokuqinileyo iindlela zakhe.+ 30  Akukho bulumko, akukho kuqonda, akukho cebo ngokuchasene noYehova.+ 31  Ihashe lilungiselelwa imini yedabi,+ kodwa usindiso lolukaYehova.+

Umbhalo osemazantsi