I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 20:1-30

20  Ingumgculeli iwayini,+ singumxokozelisi isiselo esinxilisayo,+ yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.+  Umothuso wokumkani unjengokubhavuma kwengonyama entsha enesingci.+ Nabani na omenza avuthe ngumsindo wona nxamnye nomphefumlo wakhe.+  Kuluzuko emntwini ukuyicezela impikiswano,+ kodwa wonk’ ubani osisidenge uyagqabhuka kuyo.+  Ebusika ivila aliyi kulima;+ liya kungqiba ngexesha lokuvuna, kodwa kungabikho nto.+  Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu,+ kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.+  Abantu abaninzi babhengeza ngamnye ububele bakhe bothando,+ kodwa umntu othembekileyo ngubani onokumfumana?+  Ilungisa lihamba ngengqibelelo yalo.+ Banoyolo oonyana balo emva kwalo.+  Ukumkani uhleli etroneni yokugweba,+ uchithachitha bonke ububi ngamehlo akhe.+  Ngubani onokuthi: “Ndiyihlambulule intliziyo yam;+ ndisulungekile esonweni sam”?+ 10  Iintlobo ezimbini zemilinganiselo neentlobo ezimbini zemilinganiselo ye-efa+—zombini ziyinto ecekisekayo kuYehova.+ 11  Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.+ 12  Indlebe evayo neliso elibonayo—uYehova uzenzile zombini.+ 13  Musa ukuthanda ubuthongo, ukuze ungahlwempuzeki.+ Vula amehlo akho; yaneliseka sisonka.+ 14  “Imbi, imbi!” utsho umthengi, aze ahambe.+ Andule aqhayise ngesiqu sakhe.+ 15  Kukho igolide, kukwakho nentabalala yeekorale; kodwa imilebe yokwazi izizitya ezixabisekileyo.+ 16  Ukuba ubani umela owasemzini,+ thabatha isambatho sakhe; yaye ukuba ngumfazi wasemzini lowo ammelayo, zithabathele isibambiso kuye.+ 17  Siyayolisa emntwini+ isonka esizuzwe ngobuxoki, kodwa emva koko umlomo wakhe uya kuzaliswa luhlalutye.+ 18  Amacebo ayamiselwa ngokuqinileyo ngengcebiswano,+ yaye ngolwalathiso lobuchule qhuba nemfazwe yakho.+ 19  Ohamba njengomnyelisi utyhila igqugula;+ yaye olukuhlwa yimilebe ungabi nabudlelane naye.+ 20  Ke oqalekisa uyise nonina,+ isibane sakhe siya kucinywa ekusondeleni kobumnyama.+ 21  Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni,+ kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.+ 22  Musa ukuthi: “Ndiya kububuyekeza ububi!”+ Thembela kuYehova,+ yaye uya kukusindisa.+ 23  Iintlobo ezimbini zemilinganiselo ziyinto ecekisekayo kuYehova,+ nesikali esiqhathayo asilunganga.+ 24  Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda eyomeleleyo.+ Ke yena umntu wasemhlabeni, angayiqonda njani indlela yakhe?+ 25  Kungumgibe emntwini wasemhlabeni ukudanduluka ngobutyhuthu-tyhuthu athi, “Ingcwele!”+ yaye emva kwesibhambathiso+ atyekele ekwenzeni uhlolisiso.+ 26  Ukumkani olumkileyo uchithachitha abantu abangendawo,+ aze ajikele phezu kwabo ivili.+ 27  Impefumlo+ yomntu wasemhlabeni sisibane sikaYehova, ugocagoca ngenyameko umbilini wesisu.+ 28  Ububele bothando nenyaniso—ziyamlondoloza ukumkani;+ yaye ngobubele bothando uyayixhasa itrone yakhe.+ 29  Ubuhle babafana ngamandla abo,+ yaye ubungangamsha bamadoda amadala zizimvi.+ 30  Amanxeba okugruzuka akhucula ububi;+ nemivumbo, umbilini wesisu.+

Umbhalo osemazantsi