Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMize. 2:1-22

2  Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am+ uze uyigcine kuwe imiyalelo yam,+  khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho,+ ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;+  ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda,+ nelizwi lakho walisa ekuqondeni,+  ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere,+ ubuphande njengobuncwane obufihliweyo,+  uya kwandula ukukuqonda ukoyika+ uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.+  Kuba uYehova unika ubulumko;+ emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.+  Abathe tye uya kubagcinela ubulumko bobuqili;+ ulikhaka kwabo bahamba ngengqibelelo,+  ngokugcina umendo womgwebo,+ kwaye uya kuyigcina indlela yabanyanisekileyo bakhe.+  Uya kwandula ke ukubuqonda ubulungisa nomgwebo nokuthe tye, ikhondo lokulungileyo liphela.+ 10  Xa ubulumko bungena entliziyweni yakho+ nolwazi luthandeka emphefumlweni wakho,+ 11  amandla okucinga aya kukulinda,+ ukuqonda kuya kukulondoloza,+ 12  ukuze kukuhlangule endleleni embi,+ emntwini othetha izinto ezigwenxa,+ 13  kwabo bashiya umendo wokuthe tye ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama,+ 14  kwabo baba nemihlali ngokwenza okubi,+ abavuyiswa zizinto ezigwenxa zobubi;+ 15  abo bamendo ugwenxa nabatenxayo kwikhondo eliqhelekileyo;+ 16  ukuze kukuhlangule kumfazi wasemzini,+ omazwi akhe agudileyo,+ 17  oshiya umhlobo osenyongweni wobutsha bakhe+ nowulibeleyo umnqophiso woThixo wakhe.+ 18  Kuba indlu yakhe yehlela ekufeni umkhondo wakhe wehlela kwabo bangenamandla ekufeni.+ 19  Akukho namnye kwabo baneentlobano zokwazana naye oya kubuya, bengayi kuwufumana kwakhona nomendo wabo baphilayo.+ 20  Injongo kukuba uhambe endleleni yabantu abalungileyo+ nokuba ugcine umendo wabo bangamalungisa.+ 21  Kuba abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni,+ nabangenakusoleka baya kusala kuwo.+ 22  Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni;+ ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.+

Umbhalo osemazantsi