IMizekeliso 17:1-28
17 Lilunge ngakumbi iqhekeza lesonka elomileyo kunye nokuzola+ kunendlu ezele yimibingelelo kunye nengxabano.+
2 Umkhonzi obonakalisa ingqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni,+ yaye uya kuba nesabelo selifa phakathi kwabantakwabo.+
3 Imbiza yokusulungekisa yeyesilivere neziko lelegolide,+ kodwa uYehova ungumgocagoci weentliziyo.+
4 Umenzi-bubi unikela ingqalelo kumlebe wokwenzakalisa.+ Oxokayo ulubekela indlebe ulwimi olubangela iinkxwaleko.+
5 Ogculela osweleyo ungcikiva uMenzi wakhe.+ Ovuyela intlekele eyehlela omnye akayi kukhululeka esohlwayweni.+
6 Isithsaba samadoda amadala ngabazukulwana,+ nobuhle boonyana ngooyise.+
7 Awumfanele ongenangqiqo umlebe othe tye.+ Ubeka phi na ke ukungasifaneli isidwangube umlebe oxokayo!+
8 Isipho sililitye elikholekileyo emehlweni omniniso ozukileyo.+ Kuyo yonk’ indawo ajika kuyo uyaphumelela.+
9 Ogubungela ukunxaxha ufuna uthando,+ yaye oqhubeka ethetha ngombandela wahlukanisa abazanayo.+
10 Ukukhalinyelwa kungena nzulu ngakumbi konokuqonda+ kunokubetha isiyatha izihlandlo ezilikhulu.+
11 Onemvukelo ufuna ububi kuphela,+ ngoko ke uthunyelelwa umthunywa okhohlakeleyo.+
12 Kulunge ngakumbi ukuba umntu aqubisane nebhere ehluthwe amathole ayo+ kunokuqubisana nesiyatha ebudengeni baso.+
13 Ke obuyekeza okubi endaweni yokulungileyo,+ ububi abuyi kumka endlwini yakhe.+
14 Ukuqala kosukuzwano kunjengovulela amanzi;+ ngoko ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.+
15 Nabani na ovakalisa ongendawo elilungisa+ novakalisa ilungisa lingendawo+—bobabini bayinto ecekisekayo kuYehova.+
16 Kutheni kukho ixabiso lokuzuza ubulumko+ esandleni sesiyatha, ekubeni singenantliziyo?+
17 Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke,+ yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.+
18 Umntu oswele intliziyo uxhawula ngesandla,+ esiba ngummeli weqabane lakhe.+
19 Nabani na othanda ukunxaxha uthanda usukuzwano.+ Nabani na ophakamisa isango ufuna ukuwa.+
20 Onentliziyo egwenxa akayi kufumana kulunga,+ yaye olujikajikayo ulwimi lwakhe uya kuwela entlekeleni.+
21 Nabani na ozala umntwana osisiyatha—yintlungu kuye;+ yaye uyise womntwana ongenangqiqo akabi nemihlali.+
22 Intliziyo evuyayo iyaphilisa,+ kodwa umoya oxhwalekileyo womisa amathambo.+
23 Ongendawo uyasithabatha isinyobo esifubeni+ aze agqwethe isigwebo.+
24 Ubulumko buphambi kobuso boqondayo,+ kodwa amehlo esiyatha aseziphelweni zomhlaba.+
25 Unyana osisiyatha yingqumbo kuyise+ nobukrakra komzeleyo.+
26 Ngapha koko, ukuhlawuliswa kwelungisa akulunganga.+ Ukubetha izidwangube kunxamnye nokuthe tye.+
27 Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi,+ nomntu oqondayo unomoya opholileyo.+
28 Kwanesidenge, xa sithe cwaka, siya kugqalwa njengesilumko;+ novala imilebe yakhe, unjengoqondayo.