Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 16:1-33

16  Ngawomntu wasemhlabeni amalungiselelo entliziyo,+ kodwa impendulo yolwimi+ ivela kuYehova.  Zonke iindlela zomntu zisulungekile emehlweni akhe,+ kodwa uYehova uyawucikida umoya.+  Qengqela kuYehova imisebenzi yakho+ yaye amacebo akho aya kumiselwa ngokuqinileyo.+  Yonk’ into uYehova uyenzele injongo yakhe,+ ewe, kwanongendawo umenzele imini yobubi.+  Wonk’ ubani onekratshi entliziyweni uyinto ecekisekayo kuYehova.+ Isandla singabambana nesandla, kanti ubani akanakukhululeka esohlwayweni.+  Ngobubele bothando nenyaniso isiphoso siyacanyagushelwa,+ yaye ngokoyika uYehova ubani uyemka ebubini.+  Xa uYehova ekholiswa ziindlela zomntu+ ubangela kwaiintshaba zakhe zibe seluxolweni naye.+  Ilunge ngakumbi intwana encinane enobulungisa+ kunemveliso eyintabalala nokungekho sikweni.+  Intliziyo yomntu wasemhlabeni isenokucinga ngendlela yakhe,+ kodwa nguYehova owalathisa amanyathelo akhe.+ 10  Isigqibo esiphefumlelweyo sifanele sibe semilebeni kakumkani;+ ekugwebeni umlomo wakhe awufanele ungqineke ungathembekanga.+ 11  Isalathisi esisesikweni nezikali zezikaYehova;+ onke amatye okulinganisa asengxoweni angumsebenzi wakhe.+ 12  Siyinto ecekisekayo kukumkani+ isenzo sobungendawo, kuba itrone imiselwe ngokuqinileyo ngobulungisa.+ 13  Imilebe yobulungisa iyamkholisa ukumkani ozukileyo;+ yaye othetha izinto ezithe tye uyamthanda.+ 14  Umsindo kakumkani uthetha abathunywa bokufa,+ kodwa umntu osisilumko uyawunqanda.+ 15  Ekukhanyeni kobuso bukakumkani kukho ukuphila,+ yaye inkoliseko yakhe injengelifu lemvula yasentwasahlobo.+ 16  Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukufumana ubulumko kunegolide!+ Yaye kunyulwa ukufumana ukuqonda kunesilivere.+ 17  Uhola wendlela wabathe tye kukusuka ebubini.+ Olondoloza indlela yakhe ugcina umphefumlo wakhe.+ 18  Ikratshi liphambi kokuwa,+ yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.+ 19  Kulunge ngakumbi ukuba nomoya othobekileyo kunye nabalulamileyo+ kunokwahlula ixhoba nabaziphakamisileyo.+ 20  Obonakalisa ingqiqo kumbandela uya kufumana okulungileyo,+ yaye unoyolo okholosa ngoYehova.+ 21  Osisilumko entliziyweni kuya kuthiwa uyaqonda,+ yaye onemilebe emnandi wongeza ubuciko.+ 22  Liqula lobomi+ ingqiqo kubaniniyo; yaye ingqeqesho yabazizidenge ibubudenge.+ 23  Intliziyo yesilumko ibangela umlomo ubonakalise ingqiqo,+ yaye kwimilebe yakhe yongeza ubuciko.+ 24  Linqatha lobusi amazwi athandekayo,+ amnandi emphefumlweni yaye ayimpiliso emathanjeni.+ 25  Kukho indlela ethe tye phambi komntu,+ kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.+ 26  Umphefumlo womsebénzi okhutheleyo umsebenzela nzima,+ ngenxa yokuba umlomo wakhe uyamnyanzela.+ 27  Umntu olitshivela umba okubi,+ kwaye emilebeni yakhe, ngokungathi kunjalo, kukho umlilo otshisayo.+ 28  Umntu oliqhophololo uhlala ebangela usukuzwano,+ yaye umnyelisi wahlukanisa abo bazanayo.+ 29  Umntu onogonyamelo uyalilukuhla idlelane lakhe,+ aze ngokuqinisekileyo alihambise ngendlela engalunganga.+ 30  Oqhwanyazisa amehlo akhe uceba ubuqhophololo.+ Oluma imilebe yakhe, ngokuqinisekileyo wenza ububi ngokupheleleyo. 31  Isithsaba sokuhomba zizimvi+ xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.+ 32  Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla,+ yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.+ 33  Iqashiso liphoswa esondweni lengubo,+ kodwa sonke isigqibo sivela kuYehova.+

Umbhalo osemazantsi