I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 13:1-25

13  Unyana usisilumko apho kukho ingqeqesho kayise,+ kodwa umgculeli akeva kukhalinyelwa.+  Ngesiqhamo somlomo wakhe umntu uya kudla okulungileyo,+ kodwa umphefumlo wabo benza ngobuqhophololo lugonyamelo.+  Olinda umlomo wakhe ugcina umphefumlo wakhe.+ Oyivula ibe banzi imilebe yakhe—uya konakala.+  Ivila liyanqwenela, kodwa umphefumlo walo awunanto.+ Noko ke, umphefumlo wabakhutheleyo uya kutyetyiswa.+  Ilizwi lobuxoki liyathiywa lilungisa,+ kodwa abangendawo benza okuziintloni baze bazihlazise.+  Ubulungisa buyamlondoloza ongenzakalisiyo kwindlela yakhe,+ kodwa ongendawo uyambhukuqa umoni.+  Kukho ozenza ngathi usisityebi engenanto konke konke;+ kukho ozenza osweleyo kanti unezinto ezininzi ezixabisekileyo.  Intlawulelo yomphefumlo womntu bubutyebi bakhe,+ kodwa osweleyo akeva kukhalinyelwa.+  Ukukhanya kwamalungisa kuya kuba nemihlali;+ kodwa isibane sabangendawo—siya kucinywa.+ 10  Ngokukhukhumala ubani ubangela usukuzwano kuphela,+ kodwa kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.+ 11  Izinto ezixabisekileyo zamampunge ziba mbalwa,+ kodwa oqokelela ngesandla uyandisa.+ 12  Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo,+ kodwa ingumthi wobomi into enqwenelekayo xa ifika.+ 13  Odelela ilizwi,+ kuya kuthinjwa kuye isibambiso sonetyala; kodwa owoyikayo umyalelo uya kuvuzwa.+ 14  Umthetho wesilumko ngumthombo wobomi,+ ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.+ 15  Ingqiqo elungileyo inika ubabalo,+ kodwa indlela yabo benza ngobuqhophololo inamagingxi-gingxi.+ 16  Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi,+ kodwa osisidenge uya kusasaza ngokubanzi ubudenge.+ 17  Umthunywa ongendawo uya kuwela ebubini,+ kodwa umthunywa othembekileyo uyaphilisa.+ 18  Ongayikhathalelanga ingqeqesho ufikelwa bubuhlwempu nehlazo,+ kodwa osigcinayo isohlwayo uyazukiswa.+ 19  Umnqweno ophunyeziweyo uyayolisa emphefumlweni;+ kodwa kuyinto ecekisekayo kwiziyatha ukusuka ebubini.+ 20  Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye,+ kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.+ 21  Aboni basukelwa yintlekele,+ kodwa amalungisa avuzwa ngokulungileyo.+ 22  Olungileyo ushiyela oonyana boonyana ilifa, ubutyebi bomoni bugcinelwa ilungisa.+ 23  Umhlaba olinyiweyo wabantu abasweleyo uvelisa ukutya okuninzi,+ kodwa kukho otshayelwayo ngokuswela isigwebo.+ 24  Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe,+ kodwa omthandayo umfunela ingqeqesho.+ 25  Ilungisa lidlela ukwanelisa umphefumlo walo,+ kodwa isisu sabangendawo siya kulamba.+

Umbhalo osemazantsi