I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 10:1-32

10  Imizekeliso kaSolomon.+ Unyana olumkileyo umenza abe nemihlali uyise,+ unyana osisiyatha uyintlungu kanina.+  Ubuncwane bongendawo abuyi kuba yingenelo,+ kodwa ubulungisa buya kusindisa ekufeni.+  UYehova akayi kubangela umphefumlo welungisa ulambe,+ kodwa umqweno wabangendawo uya kuwushenxisa.+  Osebenza ngesandla esidangeleyo uya kuswela,+ kodwa isandla sokhutheleyo siya kumenza atyebe.+  Unyana owenza ngengqiqo uyabutha ehlotyeni; unyana owenza okuziintloni ulala yoyi ngexesha lokuvuna.+  Iintsikelelo zisentlokweni yelungisa,+ kodwa umlomo wabangendawo, ugubungela ugonyamelo.+  Ukukhunjulwa kwelungisa kuyintsikelelo,+ kodwa igama labakhohlakeleyo liya kubola.+  Ontliziyo ilumkileyo uya kuyamkela imiyalelo,+ kodwa osisidenge ngemilebe yakhe uya kunyathelwa.+  Ohamba ngengqibelelo uya kuhamba ngokunqabiseka,+ kodwa ozenza gwenxa iindlela zakhe uya kuzazisa.+ 10  Oqoba iliso lakhe uya kubangela intlungu,+ yaye osisidenge ngemilebe yakhe uya kunyathelwa.+ 11  Umlomo welungisa ngumthombo wobomi;+ kodwa umlomo wabangendawo, ugubungela ugonyamelo.+ 12  Intiyo ixhokonxa usukuzwano,+ kodwa uthando lugubungela konke ukunxaxha.+ 13  Emilebeni yomntu onokuqonda kufunyanwa ubulumko,+ kodwa intonga yeyomhlana woswele intliziyo.+ 14  Izilumko ziyalugcina ulwazi,+ kodwa umlomo wesidenge ukufuphi nokuzonakalisa.+ 15  Izinto ezixabisekileyo zesityebi ziyidolophu yaso enqabisekileyo.+ Ukonakala kwezisweli bubuhlwempu bazo.+ 16  Umsebenzi welungisa usingisa ebomini;+ imveliso yongendawo isingisa esonweni.+ 17  Obamba uqeqesho ukumendo wobomi,+ kodwa olahla isohlwayo uyabhadula.+ 18  Apho kukho ogubungela intiyo kukho imilebe yobuxoki,+ yaye ozisa ingxelo embi usisiyatha.+ 19  Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha,+ kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.+ 20  Ulwimi lwelungisa yisilivere esulungekileyo;+ intliziyo yongendawo ixabisa kancinane.+ 21  Imilebe yelungisa iqhubeka isondla abaninzi,+ kodwa izidenge ziqhubeka zisifa ngokuswela intliziyo.+ 22  Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo,+ yaye akongezi ntlungu kuyo.+ 23  Kosisiyatha ukuqhubeka nehambo evakalala kunjengomdlalo,+ kodwa ubulumko bobomntu onokuqonda.+ 24  Into eyothusayo kongendawo—iya kuza kuye;+ kodwa oko akunqwenelayo amalungisa aya kukunikwa.+ 25  Njengokudlula komoya osisaqhwithi, kunjalo ukudlula kongendawo angabikho;+ kodwa ilungisa lisisiseko ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 26  Njengeviniga emazinyweni nanjengomsi emehlweni, unjalo umntu olivila kwabo bamthumayo.+ 27  Ukoyika uYehova kuya kongeza imihla,+ kodwa iminyaka yabangendawo iya kunqunyulwa.+ 28  Ulindelo lwamalungisa luluvuyo,+ kodwa ithemba labangendawo liya kutshabalala.+ 29  Indlela kaYehova iligwiba kwabangenakusoleka,+ kodwa ukonakala kukwabo baqhelisela okwenzakalisayo.+ 30  Ke lona ilungisa, aliyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo;+ kodwa ke abangendawo, abayi kuwuhlala umhlaba.+ 31  Umlomo welungisa—uthwala isiqhamo sobulumko,+ kodwa ulwimi olugwenxa luya kunqunyulwa.+ 32  Imilebe yelungisa—iyakwazi okukholekileyo,+ kodwa umlomo wabangendawo ububugwenxa.+

Umbhalo osemazantsi