I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 9:1-17

9  “Musa ukuba nemihlali, Sirayeli.+ Musa ukuvuya njengezizwana.+ Kuba ngokuhenyuza umkile kuThixo wakho.+ Uthande izipho zengqesho ezandeni zonke zokudla okuziinkozo.+  Isanda nesixovulelo sewayini azibondli,+ newayini enencasa ingqineka imdanisa.+  Abayi kuqhubeka behlala elizweni likaYehova,+ yaye uEfrayim makabuyele eYiputa,+ eAsiriya baya kudla oko kungahlambulukanga.+  Abayi kuqhubeka bethulula iwayini kuYehova.+ Yaye akayi kukholiswa yimibingelelo yabo;+ bafana nesonka sezihlandlo sokuzila kubo;+ bonke abo basidlayo baya kuzenza inqambi. Ngokuba isonka sabo ngumphefumlo wabo; asiyi kungena endlwini kaYehova.+  Niya kwenza ntoni nina ngomhla wokuhlangana nangomhla womthendeleko kaYehova?+  Kuba, khangela! baya kuhamba ngenxa yokuphangwa.+ IYiputa ngokwayo iya kubahlanganisa;+ iMemfis+ iya kubangcwaba. Ke izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere, ilifa lazo liya kudliwa ngamarhawu;+ amatyholo anameva aya kuba ziintente zabo.+  “Kufike imihla yokunikela ingqalelo;+ kufike imihla yentlawulo efanelekileyo.+ Abo bakwaSirayeli baya kuyazi.+ Abaprofeti baya kuba zizidenge,+ umntu onamazwi aphefumlelweyo uya kuphambana ngenxa yobuninzi besiphoso sakho,+ kwanobuninzi benzondo yakho.”  Umlindi+ wakwaEfrayim wayenoThixo wam.+ Ngokubhekisele kumprofeti,+ kukho isabatha sombambisi weentaka kuzo zonke iindlela zakhe;+ kukho inzondo endlwini kaThixo wakhe.  Baye bagabadela ekonakaliseni,+ njengakwimihla yaseGibheya.+ Uya kusikhumbula isiphoso sabo;+ uya kuzinikela ingqalelo izono zabo. 10  “Ndamfumana uSirayeli njengezidiliya zasentlango.+ Ndababona ookhokho benu njengekhiwane lokuqala emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo.+ Basuka bona baya kuBhahali wasePehore,+ yaye baqhubeka bezahlulela kwinto enezothe,+ yaye baba lizothe njengento eyintandane yabo.+ 11  Ngokubhekisele kuEfrayim, njengesidalwa esiphaphazelayo uzuko lwakhe luphaphazela lumke,+ ukuze kungazalwa, kungabikho sisu simithayo nakukhawula.+ 12  Kuba nangona ekhulisa oonyana bakhe, ndiza kumhlutha abantwana ukuze kungabikho mntu;+ ngenxa yokuba—yeha ke yena ekusukeni kwam kuye!+ 13  UEfrayim, endimbone njengeTire etyalwe edlelweni,+ yena kanye uEfrayim ubakhuphele kumbulali oonyana bakhe.”+ 14  Mnike, Yehova, oko umnika kona.+ Mnike isibeleko esikhupha isisu+ namabele ashwabeneyo. 15  “Bonke ububi bakhe babuseGiligali,+ kuba apho ndamthiya.+ Ngenxa yobubi bezenzo zakhe ndiya kumgxotha endlwini yam.+ Andiyi kuqhubeka ndimthanda.+ Zonke iinkosana zakhe ziyaqhubeka zineenkani.+ 16  UEfrayim makaxatyelwe.+ Kanye iingcambu zakhe mazome.+ Akukho siqhamo aya kusivelisa.+ Kwakhona, ukuba kunokwenzeka azale, ndiya kubulala kwanezinto ezinqwenelekayo zesisu sakhe.”+ 17  UThixo wam+ uya kumgatya, kuba akamphulaphulanga,+ yaye uya kuba yimbacu phakathi kweentlanga.+

Umbhalo osemazantsi