I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 8:1-14

8  “Emlonyeni wakho—beka isigodlo!+ Kukho oza njengokhozi+ nxamnye nendlu kaYehova, ngenxa yokuba bawugqithile umnqophiso wam,+ yaye banxaxhile kumthetho wam.+  Baqhubeka bekhala kum, besithi, ‘Owu Thixo wam, thina, Sirayeli, sikwazile.’+  “USirayeli ukulahlile okulungileyo.+ Utshaba malumsukele.+  Yena ngokwakhe umise ookumkani,+ kodwa bengaveli kum. Umisele iinkosana, kodwa andikwazanga oko. Ngesilivere yakhe nangegolide yakhe uzenzele izithixo,+ ukuze zinqunyulwe.+  Ithole lakho lenkomo lilahliwe,+ Samariya. Umsindo wam uyavutha kuye.+ Kuya kude kube nini na engafaneleki ukuba msulwa?+  Kuba nalo elo livela kwaSirayeli.+ Lenziwe yingcibi,+ alingoThixo; ke elo thole laseSamariya liya kutyunyuzwa.+  “Ngokuba ngumoya aqhubeka ewuhlwayela, yaye uya kuvuna umoya wesaqhwithi.+ Akukho kudla kuziinkozo kumilileyo.+ Akukho hlumelo livelisa umgubo.+ Ukuba mhlawumbi kukho eliwuvelisayo, abasemzini baya kuwuginya.+  “USirayeli makaginywe.+ Ke phakathi kweentlanga,+ makabe njengesitya esingayolisiyo.+  Kuba yena ngokwakhe unyukele kuAsiriya,+ njengeqwarhashe lizahlula.+ Kwimeko kaEfrayim, uqeshe izithandwa.+ 10  Nangona eqhubeka eziqesha phakathi kweentlanga,+ ndiya kuziqokelela ndawonye; yaye okwethutyana uya kuba sezintlungwini eziqatha+ ngenxa yomthwalo kakumkani neenkosana. 11  “Kuba uEfrayim wandise izibingelelo ukuze one.+ Umise izibingelelo ukuze one.+ 12  Ndambhalela phantsi izinto ezininzi zomthetho wam;+ zigqalwe njengento engaqhelekanga.+ 13  Njengemibingelelo yesipho sam waqhubeka ebingelela inyama,+ yaye waqhubeka esidla oko angakholiswayo kuko uYehova.+ Ngoko uya kusikhumbula isiphoso sakhe amphendulise ngezono zakhe.+ Yena ngokwakhe wabuyela eYiputa.+ 14  Yaye uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe+ waza wakha iitempile;+ noYuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo.+ Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuthumela umlilo kwizixeko zakhe uze uqwenge  iinqaba zokuhlala zakhe ngamnye.”+

Umbhalo osemazantsi