I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 7:1-16

7  “Ekumphiliseni kwam uSirayeli,+ isiphoso sikaEfrayim siya kutyhilwa,+ nezinto ezimbi zaseSamariya;+ kuba baxokile,+ isela lingenile; netutu liyaxhabasha ngaphandle.+  Yaye abatsho entliziyweni yabo+ ukuba bonke ububi babo ndiya kubukhumbula.+ Ke izenzo zabo zibangqongile.+ Ziphambi kobuso bam.+  Bamenza abe nemihlali ukumkani ngobubi babo, yaye, benza zibe nemihlali iinkosana ngeenkohliso zabo.+  Bonke bangabakrexezi,+ njengeziko elibaswa ngumbhaki, oyekayo ukukhwezela emva kokuxova intlama ide inyuke.  Ngaloo mini kakumkani wethu, iinkosana zizigulisile+—kukho umsindo ngenxa yewayini.+ Usitsalile isandla sakhe kunye nabagculeli.  Kuba basondeza intliziyo yabo kufuphi neziko;+ liyavutha ngaphakathi kubo.+ Ubusuku bonke umbhaki wabo ulele; kusasa iziko liyavutha njengomlilo odangazelayo.+  Bashushu, bonke, njengeziko, yaye bayabaqwenga abagwebi babo. Ookumkani babo bonke bawile;+ akakho namnye kubo omemezayo kum.+  “Ke uEfrayim, uxubana nezizwana.+ UEfrayim ube liqebengwana elibusazinge elingaguqulwanga ngelinye icala.+  Abasemzini bawadle bawagqiba amandla akhe,+ yaye yena akakwazi oko.+ Kwakhona, izimvi ziphezu kwakhe, kodwa yena ngokwakhe akakwazi oko. 10  Yaye ikratshi likaSirayeli lingqinile ebusweni bakhe,+ yaye akabuyelanga kuYehova uThixo wakhe,+ akamfunanga ngenxa yako konke oku.+ 11  Yaye uEfrayim ungqineke efana nehobe+ elimathileyo elingenantliziyo.+ Babiza eYiputa;+ baya eAsiriya.+ 12  “Nayiphi na indlela abayihambayo, ndiya kuwaneka phezu kwabo umnatha wam.+ Njengezidalwa eziphaphazelayo zasemazulwini ndiya kubahlisa.+ Ndiya kubaqeqesha ngokuvumelana nengxelo yendibano yabo.+ 13  Yeha ke bona,+ kuba basabile kum!+ Kukuphangwa kubo, kuba banxaxhile kum! Yaye ndiya kuqhubeka ndibakhulula ngentlawulelo,+ kodwa bona bathethe ubuxoki nxamnye nam.+ 14  Yaye abamemezanga kum ukucela uncedo ngentliziyo yabo,+ nangona babeqhubeka bebhomboloza kwiimandlalo zabo. Ngenxa yokudla kwabo okuziinkozo newayini enencasa bahlala bengoongqikana;+ bayandijikela.+ 15  Mna ndiyaqeqesha;+ ndiyazomeleza iingalo zabo,+ kodwa baqhubeka beceba okubi ngam.+ 16  Baye babuya, kodwa ababuyelanga kophezulu;+ bafane nesaphetha esityeketyeke.+ Iinkosana zabo ziya kuwa ngekrele ngenxa yokuqalekisa kolwimi lwazo.+ Oku kuya kuba kukugculelwa kwabo elizweni laseYiputa.”+

Umbhalo osemazantsi