Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hos 6:1-11

6  “Yizani, sibuyele kuYehova,+ kuba uqwengile+ kodwa uya kusiphilisa.+ Waqhubeka exabela, kodwa uya kusibopha.+  Uya kusenza siphile emva kweentsuku ezimbini.+ Ngosuku lwesithathu uya kusiphakamisa, yaye siya kuphila phambi kwakhe.+  Yaye siya kwazi, siya kukusukela ukwazi uYehova.+ Njengesifingo,+ ukuphuma kwakhe kumiselwa ngokuqinileyo.+ Yaye uya kuza njengokugaleleka kwemvula kuthi;+ njengemvula yasentwasahlobo enyakamisa umhlaba.”+  “Ndiya kwenza ntoni na kuwe, Efrayim? Ndiya kwenza ntoni na kuwe, Yuda,+ xa ububele bothando benu bunjengamafu akusasa nanjengombethe omka ekuseni?  Kungenxa yoko le nto ndiya kubaxabela ngabaprofeti;+ Ndiya kubabulala ngamazwi omlomo wam.+ Yaye imigwebo phezu kwakho iya kuba njengokuphuma kokukhanya.+  Kuba ndiyoliswa bububele bothando,+ kungekhona imibingelelo;+ ndiyoliswa kukwazi uThixo kuneminikelo etshiswa kuphele.+  Kodwa bona ngokwabo, njengomntu wasemhlabeni, bawugqithile umnqophiso.+ Kukho apho baqhubene ngobuqhophololo nam.+  IGiliyadi+ yidolophu yabo baqhelisela okwenzakalisayo; imikhondo yabo ligazi.+  Yaye njengabalalela umntu,+ ababingeleli banxulumana namatutu.+ Bayabulala endleleni eya kwaShekem,+ ngenxa yokuba abenzanga nto yimbi ngaphandle kwehambo evakalala.+ 10  Endlwini kaSirayeli ndibone into eqhiphula umbilini.+ Apho uEfrayim+ uyahenyuza. USirayeli uzenze inqambi.+ 11  Ngapha koko, Yuda, umiselwe isivuno, xa ndibuyisa abathinjwa babantu bam.”+

Umbhalo osemazantsi