I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 5:1-15

5  “Yivani oku, babingeleli,+ ninikele ingqalelo, nina ndlu kaSirayeli, nani, ndlu yokumkani,+ bekani indlebe, ngokuba uze kuni umgwebo lo; ngenxa yokuba nibe sisibatha+ eMizpa naza nanjengomnatha owanekwa eTibhore.+  Abo baphambukayo baye bagabadela ekubulaleni kwabo ngogonyamelo,+ yaye ndiqhubekile ndibabongoza bonke.+  Mna ngokobuqu ndimazile uEfrayim,+ yaye uSirayeli akafihlakalanga kum.+ Kuba ke, wena Efrayim, uphethe abafazi njengamahenyukazi;+ uSirayeli uzenze inqambi.+  Izenzo zabo azibavumeli babuyele kuThixo wabo,+ ngenxa yokuba kukho umoya wohenyuzo+ phakathi kwabo; yaye abamqondanga uYehova.+  Nekratshi likaSirayeli liyazingqina ebusweni bakhe;+ uSirayeli noEfrayim benziwa bakhubeke kwisiphoso sabo.+ KwanoYuda ukhubeke kunye nabo.+  Kunye nomhlambi wabo wezimvu kunye nomhlambi wabo weenkomo bayahamba baze bafune uYehova, kodwa ababanga nako ukumfumana.+ Umkile kubo.  Baqhubene ngobuqhophololo noYehova,+ kuba bazele oonyana basemzini.+ Ke kaloku inyanga iya kubaqwenga bona nezahlulo zabo.+  “Vuthelani isigodlo+ eGibheya,+ ixilongo eRama! Hlabani umkhosi eBhete-aven+—emva kwakho Bhenjamin!+  Owu Efrayim, ngemihla yokhalimelo uya kuba yinto nje ekhwankqisayo.+ Phakathi kwezizwe zakwaSirayeli ndiwazisile amazwi akholosekileyo.+ 10  Iinkosana zakwaYuda zifana kanye nabo banciphisa umda.+ Ukuvutha komsindo wam ndiya kukuphalazela phezu kwabo njengamanzi. 11  UEfrayim ucinezelwe, watyunyuzwa ngokusesikweni,+ kuba usuke wavuma ukuhamba emva kweentshaba zakhe.+ 12  Ndandifana nenundu+ kuEfrayim nanjengokubola kwindlu kaYuda. 13  “Yaye uEfrayim wasibona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe.+ Yaye uEfrayim waya kuAsiriya+ waza wathumela kukumkani omkhulu.+ Kodwa yena akakwazanga ukuniphilisa,+ yaye akabanga nako ukusinyanga isilonda senu.+ 14  Kuba ndiya kuba njengengonyama entsha kuEfrayim+ nanjengengonyama entsha enesingci kwindlu kaYuda. Mna, ndiya kuqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.+ 15  Ndiya kuhamba, ndibuyele endaweni yam de balithwale ityala labo;+ ngokuqinisekileyo baya kubufuna ubuso bam.+ Xa besengxakini enkulu,+ baya kundifuna.”+

Umbhalo osemazantsi