Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 3:1-5

3  Yaye uYehova waqhubeka wathi kum: “Phinda umthande, umfazi othandwa liqabane+ ekrexeza, njengoko kunjalo ngemeko yothando lukaYehova ngoonyana bakaSirayeli+ ngoxa bephethukela kwabanye oothixo+ nasekuthandeni izicumba zeerasintyisi.”+  Yaye ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lamaqhosha esilivere+ nangomlinganiselo wehomore yerhasi nangesiqingatha sehomore yerhasi.  Ndandula ndathi kuye: “Kuba uya kuhlala imihla emininzi ungowam.+ Uze ungahenyuzi,+ yaye uze ungabi nenye indoda;+ nam ndiya kuba ngowakho.”  Kungenxa yokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani,+ bengenankosana, bengenambingelelo,+ bengenantsika, bengenaefodi+ namlonde-khaya.+  Emva koko oonyana bakaSirayeli baya kubuya baze ngokuqinisekileyo bamfune uYehova uThixo wabo,+ noDavide ukumkani wabo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kuza begubha kuYehova+ nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.+

Umbhalo osemazantsi