I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 14:1-9

14  “Buya, Sirayeli, uze kuYehova uThixo wakho,+ kuba ukhubekile ngesiphoso sakho.+  Thabathani amazwi nibuyele kuYehova.+ Yithini kuye nonke, ‘Sixolele isiphoso sethu;+ uze wamkele okulungileyo, yaye siya kunikela njengembuyekezo amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu.+  IAsiriya ayiyi kusisindisa.+ Asiyi kuwakhwela amahashe.+ Yaye asisayi kuphinda sithi: “Owu Thixo wethu!” ngenxa yoko kungumsebenzi wezandla zethu, kuba nguwe oyenzele inceba inkwenkwe engenayise.’+  “Ndiya kukuphilisa ukungathembeki kwabo.+ Ndiya kubathanda ngokuzithandela,+ ngenxa yokuba umsindo wam ubuyile kuye.+  Ndiya kufana nombethe kuSirayeli.+ Uya kutyatyamba njengenyibiba, yaye endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.  Amasetyana akhe aya kunaba, isidima sakhe siya kuba njengesomnquba,+ yaye ivumba lakhe elimnandi liya kuba njengelaseLebhanon.  Kwakhona baya kubuya bahlale emthunzini wakhe.+ Baya kulima ukudla okuziinkozo, yaye baya kumila amathupha njengomdiliya.+ Isikhumbuzo sakhe siya kuba njengewayini yaseLebhanon.  “UEfrayim uya kuthi, ‘Ndisenanto yakwenza ngantoni na nezithixo?’+ “Mna ngokuqinisekileyo ndiya kuphendula yaye ndiya kuqhubeka ndimkhangela.+ Ndinjengomthi onabileyo wejunipha.+ Siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.”  Ngubani na onobulumko, ukuze aziqonde ezi zinto?+ Ngubani na ingqondi, enokuzazi?+ Kuba iindlela zikaYehova zithe tye,+ yaye amalungisa aya kuhamba ngazo;+ kodwa abanxaxhayo baya kukhubeka kuzo.+

Umbhalo osemazantsi