I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 12:1-14

12  “UEfrayim udla umoya+ yaye usukela umoya wasempuma imini yonke.+ Wandisa ukuxoka nokuphanga.+ Yaye wenza umnqophiso neAsiriya,+ kusiwa ioli eYiputa.  “UYehova umbek’ ityala uYuda,+ kwanoYakobi uyamphendulisa ngeendlela zakhe;+ uya kumbuyekeza ngokwezenzo zakhe.+  Esiswini wambamba umntakwabo ngesithende,+ yaye ngamandla akhe amakhulu wasukuzana noThixo.+  Yaye waqhubeka esukuzana nengelosi woyisa.+ Walila, ukuze azicelele ubabalo.”+ EBheteli wamfumana,+ yaye kulapho waqalisa ukuthetha nathi.+  Yaye uYehova uTHIXO wemikhosi,+ uYehova sisikhumbuzo sakhe.+  “Wena ke, ufanele ubuyele kuThixo wakho,+ ugcine ububele bothando+ nokusesikweni;+ yaye hlala uthembele kuThixo wakho rhoqo.+  Ngokubhekisele kumrhwebi, esandleni sakhe kukho isikali senkohliso;+ ukuqhatha koko akuthandileyo.+  UEfrayim uthi, ‘Eneneni, ndibe sisityebi;+ ndizifumanele izinto ezixabisekileyo.+ Ke ekubulalekeni kwam konke, akukho siphoso sisisono baya kusifumana.’+  “Kodwa ndinguYehova uThixo wakho kwasezweni laseYiputa.+ Kanti ndiya kukwenza uhlale kwiintente njengakwimihla yexesha elimisiweyo. 10  Yaye ndathetha nabaprofeti,+ nemibono ndayandisa, yaye ngesandla sabaprofeti ndaqhubeka ndizekelisa.+ 11  “IGiliyadi yenze okungaqhelekanga,+ ayenzanga nyaniso.+ EGiligali babingelele kwanangeenkunzi zeenkomo.+ Ngaphezu koko, imibingelelo yabo injengemfumba yamatye kwimijelo yasendle.+ 12  UYakobi wabaleka waya kwintsimi yaseSiriya,+ uSirayeli+ wakhonza ngenxa yomfazi,+ yaye ngenxa yomfazi walusa izimvu.+ 13  Yaye ngomprofeti uYehova wamnyusa eYiputa uSirayeli,+ yaye ngomprofeti walindwa.+ 14  UEfrayim wamcaphukisa ngokukrakra,+ yaye izenzo zakhe zophalazo-gazi uzishiya kuye,+ yaye iNkosi yakhe Ezukileyo iya kumbuyekeza ngongcikivo lwakhe.”+

Umbhalo osemazantsi