Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 11:1-12

11  “Xa uSirayeli wayeyinkwenkwe, ndamthanda,+ yaye ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.+  “Bambiza bona.+ Kwaba kukhona yena emkayo phambi kwabo.+ Wabingelela kwimifanekiso kaBhahali,+ waza waqhumisa kwimifanekiso eqingqiweyo.+  Kodwa mna, ndamfundisa ukuhamba uEfrayim,+ ndamphatha ngeengalo zam;+ yaye akazange aqonde ukuba ndimphilisile.+  Ndamtsala ngeentsontelo zomntu wasemhlabeni, ngeentambo zothando,+ ukuze kuye ndibe njengabo baphakamisa idyokhwe emihlathini yabo,+ yaye ngothantamiso ndazisa ukutya kuye ngamnye.+  Akayi kubuyela kwilizwe laseYiputa, kodwa uAsiriya uya kuba ngukumkani wakhe,+ ngenxa yokuba wala ukubuya.+  Yaye ngokuqinisekileyo ikrele liya kuzijikeleza izixeko zakhe+ lize ligqibe imivalo yakhe yaye liqwenge+ ngenxa yamacebo akhe.+  Yaye abantu bam bathambekela ekungathembekini kum.+ Yaye babiza kophezulu; akakho konke konke ophakamayo.  “Ndingakuyeka njani, Efrayim?+ Ndingakunikela njani, Sirayeli?+ Ndingathini ukukulahla njengeAdima?+ Ndingathini na ukukwenza ube njengeTsebhoyim?+ Intliziyo yam itshintshile ngaphakathi kum;+ kwangaxeshanye iimfesane zam ziyavutha.  Andiyi kukubonakalisa ukuvutha komsindo wam.+ Andiyi kumonakalisa uEfrayim kwakhona,+ kuba ndinguThixo+ andingomntu, Lowo Ungcwele phakathi kwakho;+ yaye andiyi kuvuseleleka. 10  Uya kuhamba emva koYehova.+ Njengengonyama uya kugquma;+ kuba ngokwakhe uya kugquma,+ yaye oonyana baza kungcangcazela bevela entshona.+ 11  Uya kuphuma eYiputa+ engcangcazela njengentaka, nanjengehobe liphuma kwilizwe laseAsiriya;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kumenza ahlale ezindlwini zakhe,” utsho uYehova.+ 12  “UEfrayim undingqonge ngobuxoki,+ yena uSirayeli ngenkohliso. Kodwa uYuda usabhadula kuThixo,+ nakuLowo Ungoyena Ungcwele ukholosekile.”

Umbhalo osemazantsi