I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 10:1-15

10  “USirayeli ngumdiliya ongcakachileyo.+ Uzivelisela isiqhamo.+ Ngokulingana nesiqhamo sakhe esininzi uzandisile izibingelelo zakhe.+ Ngokulingana nokulunga komhlaba wakhe, ubeka iintsika ezilungileyo.+  Intliziyo yakhe ibe nohanahaniso;+ ke uya kuba netyala. “Kukho ubani oya kuqhekeza izibingelelo zakhe; uya kuphanga iintsika zakhe.+  Kuba ke uya kuthi, ‘Asinakumkani,+ kuba asimoyikanga uYehova. Yaye ukumkani, uya kusenzela ntoni na?’  “Uthetha amazwi, esenza izifungo zobuxoki,+ esenza umnqophiso;+ nesigwebo sihlume njengesityalo esinetyhefu kumjelo wasendle.+  Abahlali baseSamariya baya kothuka ngenxa yesithixo esilithole lenkomo saseBhete-aven;+ kuba ngaso abantu ngokuqinisekileyo baya kuzila, kwanababingeleli baso bothixo wasemzini ababekade besivuyela, ngenxa yozuko lwaso, kuba luya kube lumkile kuso.+  Siya kusiwa eAsiriya njengesipho kukumkani omkhulu.+ UEfrayim uya kufumana ihlazo,+ noSirayeli uya kuba neentloni ngecebo laso.+  ISamariya nokumkani wayo ngokuqinisekileyo iya kuthuliswa,+ njengesetyana elaphukileyo phezu kwamanzi.  Iindawo eziphakamileyo zaseBhete-aven,+ isono sikaSirayeli,+ ziya kubhujiswa. Ameva neenkunzane+ ziya kuphuma ezibingelelweni zakhe.+ Yaye abantu baya kuthi ezintabeni, ‘Sigubungeleni!’ nakwiinduli, ‘Siweleni!’+  “Ukususela kwimihla yaseGibheya+ wonile,+ Sirayeli. Apho bema ngxi. EGibheya imfazwe nxamnye noonyana bentswela-bulungisa ayibafikelanga.+ 10  Xa ndinomnqweno ndiya kubaqeqesha.+ Yaye ngokuqinisekileyo izizwana ziya kuhlanganisana nxamnye nabo xa bebotshelelwa kwiziphoso zabo ezibini.+ 11  “Yaye uEfrayim wayelithokazi eliqeqeshiweyo elithanda ukubhula;+ yaye mna ndadlula kwintamo yakhe enenkangeleko entle. Ndakhwelisa uthile kuEfrayim.+ UYuda uyalima;+ uYakobi uyamyerhela.+ 12  Zihlwayelele imbewu ngobulungisa;+ vuna ngokuvumelana nobubele bothando.+ Zikhubeleleni umhlaba olimekayo,+ xa kukho ixesha lokumfuna uYehova de afike+ aze anikele uyalelo lobulungisa kuni.+ 13  “Nilime okungendawo.+ Nivune intswela-bulungisa.+ Nitye isiqhamo senkohliso,+ ngokuba nikholose ngendlela yenu,+ ngobuninzi babanamandla benu.+ 14  Kuvuke ukuxokozela phakathi kwabantu bakho,+ yaye izixeko zakho ezinqatyisiweyo ziya kuphangwa,+ njengoko uShalman wayiphangayo indlu ka-Arbhele, ngomhla wedabi xa kwatyunyuzwa unyoko kunye noonyana bakhe.+ 15  Ngokuqinisekileyo kuya kwenziwa ngale ndlela kuwe, Bheteli, ngenxa yobubi bakho obukhulu.+ Ngesifingo ukumkani wakwaSirayeli uya kuthuliswa.”+

Umbhalo osemazantsi