I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hoseya 1:1-11

1  Ilizwi likaYehova+ elafika kuHoseya+ unyana kaBheri ngemihla+ kaUziya,+ kaYotham,+ ka-Ahazi+ noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda, nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli.  Ekuqaliseni kokufika kwelizwi likaYehova kuHoseya, wathi uYehova kuHoseya: “Yiya,+ uzithabathele umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu, ngenxa yokuba ngohenyuzo ilizwe limkile ekulandeleni uYehova.”+  Waza waya wazithabathela uGomere intombi kaDibhelayim, wamitha waza ekuhambeni kwexesha wamzalela unyana.+  UYehova wahlabela mgama wathi kuye: “Mthiye igama elinguYizereli,+ kuba kulithuba elincinane ukuze ndiyiphendulise indlu kaYehu+ ngezenzo zophalazo-gazi zaseYizereli, ndize ndiyiyekise ulawulo lwasebukhosini indlu kaSirayeli.+  Yaye ngaloo mini ndiya kwaphula isaphetha+ sikaSirayeli entilini yaseYizereli.”  Waza wamitha kwakhona ngelinye ixesha wazala intombi. Wathi ke Yena kuye: “Yithiye igama elinguLo-ruhama,+ ngokuba andiyi kuyenzela nceba+ kwakhona indlu kaSirayeli, ngenxa yokuba ndiya kuyisusa.+  Kodwa indlu kaYuda ndiya kuyenzela inceba,+ yaye ndiya kuyisindisa ngoYehova uThixo wayo;+ kodwa andiyi kuyisindisa ngesaphetha okanye ngekrele okanye ngemfazwe, ngamahashe okanye ngabakhweli-mahashe.”+  Wamlumla uLo-ruhama, waza wamitha wazala unyana.  Ngoko wathi ke Yena: “Mthiye igama elinguLo-ami, ngenxa yokuba nina aningobantu bam nam andiyi kuba ngowenu. 10  “Inani loonyana bakaSirayeli liya kuba njengentlabathi yolwandle engenakulinganiswa okanye ibalwe.+ Endaweni yokuba kuthiwe kubo, ‘Aningobantu bam,’+ njengoko bekufudulwa kusitshiwo, kothiwa kubo, ‘Ningoonyana boTHIXO ophilayo.’+ 11  Ngokuqinisekileyo oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli baya kuqokelelana ndawonye ngomanyano+ yaye baya kuzimisela intloko enye baze banyuke baphume kwelo lizwe,+ ngenxa yokuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.+

Umbhalo osemazantsi