I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 8:1-18

8  Ngonyaka wesithandathu, ngeyesithandathu inyanga, ngomhla wesihlanu enyangeni leyo, ndandihleli endlwini yam yaye amadoda amakhulu akwaYuda ayehleli phambi kwam,+ xa isandla seNkosi enguMongami uYehova sawa phezu kwam apho.+  Ndaza ndabona uthile onembonakalo yomlilo;+ ukusuka esinqeni ukuhla wayenembonakalo yomlilo,+ ukusuka esinqeni kuse phezulu wayenembonakalo ekhanyayo, njengokubengezela komxube wegolide nesilivere.+  Wandula ke wolula imbonakaliso yesandla+ waza wandithabatha ngesihlwitha seenwele zentloko yam, waza umoya+ wandithwalela phakathi komhlaba namazulu, wandizisa eYerusalem emibonweni kaThixo,+ ngasesangweni elingaphakathi+ elijonge ngasemntla, apho kukho indawo yokuhlala yomfuziselo wekhwele elikhweletisayo.+  Yaye, khangela! Ubuqaqawuli bukaTHIXO kaSirayeli babulapho,+ njengembonakalo endandiyibone kwithafa elisentlanjeni leyo.  Waza wathi kum: “Nyana womntu, nceda, phakamisela amehlo akho kwicala elingasemntla.” Ngoko ndawaphakamisela amehlo kwicala elingasemntla, yaye, khangela! ngasemntla kwesango lesibingelelo kwakukho lo mfuziselo wekhwele+ ekungeneni.  Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, uyazibona na ukuba nkulu kwazo izinto ezicekisekayo abazenzayo,+ izinto indlu kaSirayeli ezenzayo apha ukuze mna ndibe kude nengcwele yam?+ Ukanti usaya kubona izinto ezicekisekayo ezinkulu.”  Ngako oko wandizisa esangweni lentendelezo, ndaza ndabona, khangela! umngxuma othile eludongeni.  Wathi kum: “Nyana womntu, nceda, khawugqobhoze eludongeni.”+ Ndaza ndagqobhoza eludongeni, yaye, khangela! kwakukho umnyango othile.  Waza wathi kum: “Ngena uze uzibone izinto ezicekisekayo nezimbi abazenzayo apha.”+ 10  Ngoko ndangena ngaphakathi ndaza ndabona, khangela! kwakukho imbonakaliso+ yazo zonke izinto ezirhubuluzayo nezilo ezinezothe,+ nazo zonke izithixo ezinezothe zendlu kaSirayeli,+ zikroliwe eludongeni macala onke. 11  Yaye amadoda angamashumi asixhenxe+ kwabakhulileyo bendlu kaSirayeli, noYahazaniya unyana kaShafan+ owayemi phakathi kwawo, ayemi phambi kwazo, nganye kuwo inesiqhumiselo esandleni sayo, kunyuka nobulawu belifu lesiqhumiso.+ 12  Waza wathi kum: “Owu nyana womntu, ukubonile na oko bakwenzayo abakhulileyo bendlu kaSirayeli ebumnyameni,+ ngamnye kumagumbi angaphakathi emiboniso yakhe? Kuba bathi, ‘UYehova akasiboni.+ UYehova ulishiyile ilizwe.’” 13  Waza waqhubeka wathi kum: “Useza kuzibona kwakhona izinto ezicekisekayo ezinkulu abazenzayo.”+ 14  Ngoko wandizisa ngasesangweni lendlu kaYehova, elingasemntla, yaye, khangela! kwakuhleli abafazi apho, belilela uthixo uTamuzi. 15  Waza wathi kum: “Ukubonile na oku, nyana womntu? Usaya kubona izinto ezicekisekayo ezinkulu+ ezimbi ngakumbi kunezi.” 16  Ngoko wandizisa entendelezweni engaphakathi yendlu kaYehova,+ yaye, khangela! emnyangweni wetempile kaYehova, phakathi kweveranda nesibingelelo,+ kwakukho amadoda amalunga namashumi amabini anesihlanu+ awayeyinikele umva itempile kaYehova+ nobuso bawo ebubhekise empuma, yaye ayequbuda elangeni, ngasempuma.+ 17  Waza wahlabela mgama wathi kum: “Ukubonile na oku, nyana womntu? Yinto elula ngolo hlobo na kwindlu kaYuda ukwenza izinto ezicekisekayo abazenzileyo apha, ukuba bazalise ilizwe ngogonyamelo+ nokuba bandicaphukise kwakhona, yaye basondeza ihlumelo empumlweni yam? 18  Nam ke ndiya kwenza ngomsindo.+ Iliso lam aliyi kuba nosizi, yaye andiyi kuba namfesane.+ Ngokuqinisekileyo baya kumemeza ezindlebeni zam ngelizwi elikhulu, kodwa andiyi kubeva.”+

Umbhalo osemazantsi