I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 48:1-35

48  “Ngawo la ke amagama ezizwe. Ukususela ekupheleni ngasemntla, ecaleni kwendlela yaseHetelon+ ukuya ekungeneni eHamati,+ eHatsare-enan,+ umda waseDamasko ngasemntla, kwicala laseHamati; kwaye kumele kubekho umda wasempuma nowasentshona, isahlulo esinye sakwaDan.+  Emdeni kaDan, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwa-Ashere.+  Nasemdeni wakwa-Ashere, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwaNafetali.+  Nasemdeni wakwaNafetali, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwaManase.+  Nasemdeni wakwaManase, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwaEfrayim.+  Nasemdeni wakwaEfrayim, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwaRubhen.+  Nasemdeni wakwaRubhen, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, esinye sakwaYuda.+  Nasemdeni wakwaYuda, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, umnikelo enifanele niwunikele ufanele ube ziikubhite ezingamashumi amabini anesihlanu amawaka ububanzi,+ nobude bube ngokwesinye sezahlulo ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona. Yaye ingcwele imele ibe phakathi kuso.+  “Ngokubhekisele kumnikelo enifanele niwunikele kuYehova, ubude buya kuba ziikubhite ezingamashumi amabini anesihlanu amawaka neshumi lamawaka ububanzi. 10  Zona ke ezi zifanele zibe ngumnikelo ongcwele wababingeleli,+ iikubhite ezingamashumi amabini anesihlanu amawaka ngasemntla, nobubanzi beshumi lamawaka ngasentshona, nobubanzi beshumi lamawaka ngasempuma, nobude bamashumi amabini anesihlanu amawaka ngasemzantsi. Yaye ingcwele kaYehova imele ibe phakathi kuso.+ 11  Siya kuba sesababingeleli, abo bangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki,+ abayinyamekelayo imbopheleleko yam, abangazange baphambuke ekuphambukeni koonyana bakaSirayeli, kanye njengoko abaLevi baphambukayo.+ 12  Kwaye bamele babe nomnikelo kuwo umnikelo welizwe njengeyona nto ingcwele, emdeni wabaLevi.+ 13  “NabaLevi bafanele babe+ neekubhite ezingamashumi amabini anesihlanu amawaka ubude, kanye ngakummandla wababingeleli, kunye neshumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bungamashumi amabini anesihlanu amawaka nobubanzi bulishumi lamawaka.+ 14  Yaye abafanele bathengise nayiphi na kuwo, kungekho nabani na ofanele ananise, kungekho nabani na ofanele abangele ukuba eyona ndawo intle elizweni idlule kubo; kuba uyinto engcwele kuYehova.+ 15  “Ngokubhekisele kumawaka amahlanu eekubhite aseleyo kububanzi ecaleni kwezingamawaka amabini anesihlanu, yinto ehlanjelweyo yesixeko,+ yendawo yokuhlala neyedlelo. Yaye isixeko simele sibe phakathi kuwo.+ 16  Kwaye le yimilinganiselo yesixeko: umda wasemntla ziikubhite ezingamawaka amane anamakhulu mahlanu, nomda wasemzantsi ngamawaka amane anamakhulu mahlanu, nomda wasempuma ngamawaka amane anamakhulu mahlanu, nomda wasentshona ngamawaka amane anamakhulu mahlanu. 17  Ibe isixeko simele sibe nedlelo,+ ngasemntla amakhulu amabini anamashumi mahlanu eekubhite, nangasemzantsi amakhulu amabini anamashumi mahlanu, nangasempuma amakhulu amabini anamashumi mahlanu, nangasentshona amakhulu amabini anamashumi mahlanu. 18  “Noko kuseleyo kubude kuya kuba kanye njengomnikelo ongcwele,+ ishumi lamawaka leekubhite ngasempuma, neshumi lamawaka ngasentshona; yaye kumele kube kanye njengomnikelo ongcwele, nemveliso yako imele ibe sisonka sabo bakhonza esixekweni.+ 19  Kwaye kuya kulinywa ngabo bonke abezizwe zakwaSirayeli abakhonza esixekweni.+ 20  “Umnikelo uphela ungamashumi amabini anesihlanu amawaka eekubhite ngamashumi amabini anesihlanu amawaka. Nifanele ninikele inxalenye enamacala amane alinganayo ibe ngumnikelo ongcwele kunye nelifa lesixeko. 21  “Noko kuseleyo kuya kuba kokwesikhulu,+ kweli cala nakweliya cala lomnikelo ongcwele nelifa lesixeko,+ ecaleni kwamashumi amabini anesihlanu eekubhite zomnikelo ukuya kumda wasempuma; nasentshona ecaleni kwamashumi amabini anesihlanu eekubhite ukuya kumda wasentshona.+ Kanye ngokwezahlulo, kuya kuba kokwesikhulu. Yaye umnikelo ongcwele nengcwele yeNdlu imele ibe phakathi kwawo. 22  “Ke ngokubhekisele kwilifa labaLevi nelifa lesixeko, lifanele libe phakathi koko kwesikhulu. Phakathi komda wakwaYuda+ nomda wakwaBhenjamin kufanele kube kokwesikhulu. 23  “Ke ngokubhekisele kwezinye izizwe, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, uBhenjamin+ isahlulo esinye. 24  Nasemdeni wakwaBhenjamin, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, uSimeyon+ esinye. 25  Nasemdeni wakwaSimeyon, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, uIsakare+ esinye. 26  Nasemdeni wakwaIsakare, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, uZebhulon+ esinye. 27  Nasemdeni wakwaZebhulon, ukususela kumda wasempuma ukusa kumda wasentshona, uGadi+ esinye. 28  Nasemdeni wakwaGadi, ukusa kumda wasemzantsi, kuya kuba ngasemzantsi; yaye umda umele usuke kwaTamare+ ukusa emanzini aseMeribhati-kadeshe,+ ukusa entlanjeni,+ ukuya kufikelela kuLwandle Olukhulu.+ 29  “Lilo eli ilizwe enifanele niliwisele izizwe zakwaSirayeli+ ngeqashiso ukuba libe lilifa, yaye ezi ziya kuba zizabelo zazo,”+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 30  “Zizo ezi iindawo zokuphuma zesixeko: Kumda wasemntla, umlinganiselo iya kuba ziikubhite ezingamawaka amane anamakhulu mahlanu.+ 31  “Yaye amasango esixeko aya kuba ngokwamagama ezizwe zakwaSirayeli, amasango amathathu ngasemntla, isango lakwaRubhen, elinye; isango lakwaYuda, elinye; isango lakwaLevi, elinye. 32  “Nakumda wasempuma kuya kubakho amawaka amane anamakhulu mahlanu eekubhite, namasango amathathu, isango lakwaYosefu, elinye; isango lakwaBhenjamin, elinye; isango lakwaDan, elinye. 33  “Umda wasemzantsi uya kuba ngamawaka amane anamakhulu mahlanu eekubhite ngokomlinganiselo, unamasango amathathu, isango lakwaSimeyon, elinye; isango lakwaIsakare, elinye; isango lakwaZebhulon, elinye. 34  “Umda wasentshona uya kuba ngamawaka amane anamakhulu mahlanu eekubhite, kukho namasango amathathu, isango lakwaGadi, elinye; isango lakwa-Ashere, elinye; isango lakwaNafetali, elinye. 35  “Ukujikeleza ke iya kuba ziikubhite ezilishumi elinesibhozo lamawaka; igama lesixeko ukususela ngaloo mini liya kuba nguYehova Ngokwakhe Ulapho.”+

Umbhalo osemazantsi