I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 47:1-23

47  Yandibuyisela emnyangweni weNdlu,+ yaye, khangela! kwakukho amanzi+ aphuma phantsi kombutho womnyango weNdlu ngasempuma,+ kuba umngaphambili weNdlu wawungasempuma. Amanzi ke ayesihla evela ngaphantsi, kwicala lasekunene leNdlu, kumzantsi wesibingelelo.  Yandizisa ngendlela yesango lasemntla+ yaza yandijikelezisa ngendlela engaphandle eya esangweni elingaphandle elijonge ngasempuma,+ yaye, khangela! kwakuqukuqela amanzi+ evela kwicala lasekunene.  Ekuyeni kwendoda ngasempuma inolutya lokulinganisa esandleni sayo,+ yalinganisa iikubhite eziliwaka yaza yandidlulisa emanzini, amanzi ebetha emaqatheni.  Kwaye yaqhubeka ilinganisa iwaka ize ke indidlulise emanzini, amanzi ebetha emadolweni. Yaqhubeka ke ilinganisa iwaka yaye ngoku yandidlulisa—amanzi ebetha esinqeni.  Yaqhubeka ke ilinganisa iwaka. Yayingumsinga endandingakwazi ukudlula kuwo, kuba amanzi ayephakamile, amanzi avumela ukudada, umsinga ekungenakudlulwa kuwo.  Yathi ke yona kum: “Ukubonile na oku, nyana womntu?” Yandula ke yandihambisa yaza yandibuyisela eludongeni lomsinga lowo.  Ekubuyeni kwam, kaloku, khangela! eludongeni lomsinga kwakukho imithi emininzi kakhulu, kweli cala nakweliya icala.+  Yaza yahlabela mgama yathi kum: “La manzi aphuma aye kummandla wasempuma yaye amele ehle aye eArabha.+ Kwaye amele afike elwandle. Akuziswa elwandle,+ namanzi alo+ okunene ayaphiliswa.  Kumele kuthi ke wonke umphefumlo ophilayo onyakazelayo,+ kuyo yonke indawo ofika kuyo umsinga omkhulu, ufumane ubomi. Kumele kubekho iintlanzi ezininzi kakhulu, ngenxa yokuba ngokuqinisekileyo aya kufika apha la manzi, yaye amanzi aselwandle aya kuphiliswa,+ kwaye yonk’ into iya kuphila apho ufika khona umsinga. 10  “Kumele kuthi ke okunene kume abalobi ecaleni kwawo ukususela e-Engedi+ ukusa e-En-eglayim. Kuya kubakho indawo yokumisa iminatha erhuqwayo. Ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zoLwandle Olukhulu,+ zininzi kakhulu. 11  “Kukho imigxobhozo yalo, yaye ayiyi kuphiliswa.+ Ngokuqinisekileyo iya kuba mtyuba.+ 12  “Nasecaleni komsinga kuya kuphuma, eludongeni lwawo kweli cala nakweliya icala, zonke iintlobo zemithi yokudliwa.+ Amagqabi awo akayi kubuna,+ nesiqhamo sawo asiyi kudliwa siphele.+ Iya kuthwala isiqhamo esitsha ngeenyanga zayo, ngenxa yokuba amanzi awo—aphuma engcweleni kanye.+ Isiqhamo sawo simele sibe sesokudliwa namagqabi awo abe ngawokuphilisa.”+ 13  Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Nguwo lo ummandla eniya kuzabela wona ube lilifa njengelizwe lezizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli, kunye neziqwenga ezibini zomhlaba wakwaYosefu.+ 14  Kwaye nimele niwudle ilifa, ngamnye ngokufanayo nomntakwabo, lizwe elo ndaphakamisa isandla sam ndifunga+ ukulinika ookhokho benu;+ yaye eli lizwe limele liwele kuni ngeqashiso libe lilifa.+ 15  “Nguwo lo ke umda welizwe kwicala lasemntla, ukususela kuLwandle Olukhulu ngendlela yaseHetelon,+ ukusa eTsedadi,+ 16  eHamati,+ eBherota,+ eSibrayim, ephakathi komda waseDamasko+ nomda waseHamati; iHatsere-hatikon, engakumda waseHawuran.+ 17  Umda ukusuka elwandle umele ube seHatsare-enon,+ umda waseDamasko—owasemntla ngasemntla, nomda waseHamati.+ Licala lasemntla ke elo. 18  “Necala lasempuma lisusela phakathi kweHawuran+ neDamasko+ naphakathi kweGiliyadi+ nelizwe lakwaSirayeli; iYordan,+ nifanele nilinganise ukususela emdeni ukuya kulwandle lwangasempuma. Licala lasempuma ke elo. 19  “Necala lasemzantsi lingasemzantsi, ukususela kwaTamare+ ukusa emanzini aseMeribhati-kadeshe,+ entlanjeni+ ukusa kuLwandle Olukhulu. Licala lasemzantsi ke elo, ukuya ngaseNegebhi. 20  “Necala lasentshona luLwandle Olukhulu, ukususela emdeni liye ngqo phambili ukuya kungena eHamati.+ Licala lasentshona ke elo.” 21  “Nimele nizahlulele eli lizwe, kwizizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli. 22  Nifanele nilabe njengelifa kuni+ nakubaphambukeli abaphambukele kuni,+ abaye bazala oonyana phakathi kwenu. Kuni bamele babe njengenzalelwane phakathi koonyana bakaSirayeli. Kunye nani baya kuwela elifeni ngeqashiso phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.+ 23  Kweso sizwe aphambukele kuso umphambukeli, nize nimnike ilifa lakhe kuso,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.

Umbhalo osemazantsi