I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 42:1-20

42  Yandisa+ kwintendelezo engaphandle ngendlela eya ngasemntla.+ Kwaye yandizisa kwisakhiwo segumbi lokudlela+ elalingaphambi kwendawo eyahlukileyo+ nelaliphambi kwesakhiwo eso ukuya ngasemntla.  Ngaphambi kobude obuziikubhite ezilikhulu kwakukho umnyango ongasemntla, yaye ububanzi babuziikubhite ezingamashumi amahlanu.  Ngaphambi kweekubhite ezingamashumi amabini zentendelezo engaphakathi+ naphambi kwendlela egangathiweyo+ yentendelezo engaphandle kwakukho igalari emalunga negalari+ kwimigangatho yomithathu.  Phambi kwamagumbi okudlela kwakukho indlela eziikubhite ezilishumi ububanzi eya ngaphakathi,+ indlela eyikubhite enye, yaye amasango azo ayebheke ngasemntla.  Ke wona amagumbi okudlela, awona aphezulu ayemafuphi ngakumbi, kuba iigalari zawanciphisa, kunalawo angawona asezantsi nalawo aphakathi, apho esakhiweni.  Kuba ayekwimigangatho emithathu,+ yaye ayengenazintsika zinjengeentsika zeentendelezo. Kungenxa yoko le nto ayencitshiswe ngakumbi kunalawo asezantsi nalawo aphakathi ukusuka emgangathweni.  Yaye udonga olwalungaphandle lwalukufuphi namagumbi okudlela ukuya ngakwintendelezo engaphandle phambi kwamanye amagumbi okudlela. Ubude balo babuziikubhite ezingamashumi amahlanu.  Kuba ubude bamagumbi okudlela abheke ngakwintendelezo engaphandle babuziikubhite ezingamashumi amahlanu, yaye, khangela! phambi kwetempile yayiziikubhite ezilikhulu.  Kwaye ngezantsi kwala magumbi okudlela kwakukho isango elingasempuma, xa ubani engena kuwo evela kwintendelezo engaphandle. 10  Ebubanzini bodonga lwamatye lwentendelezo ukuya ngasempuma, phambi kwendawo eyahlukileyo+ naphambi kwesakhiwo, kwakukho amagumbi okudlela.+ 11  Kwakukho nendlela phambi kwawo njengembonakalo yamagumbi okudlela awayebheke ngasemntla,+ babunjalo ke ubude bawo ngokunjalo nobubanzi bawo; yaye zonke iindlela zokuphuma zazifana, nokuyilwa kwawo kufana neminyango ifana. 12  Yaye njengeminyango yamagumbi okudlela awayebheke ngasemzantsi wawunjalo nomnyango osemantloko endlela, indlela ephambi kodonga lwamatye olumalunga nalapho ukuya ngasemntla, xa ubani engena kuwo.+ 13  Kwaye yathi kum: “Amagumbi okudlela angasemntla namagumbi okudlela angasemzantsi aphambi kwendawo eyahlukileyo,+ wona ngamagumbi okudlela angcwele, apho ababingeleli abasondela+ kuYehova badlela khona ezona zinto zingcwele.+ Bazibeka apho ezona zinto zingcwele nomnikelo wokudla okuziinkozo nomnikelo wesono nomnikelo wetyala, ngenxa yokuba indawo leyo ingcwele.+ 14  Xa bona, ababingeleli, bengenile, abayi kuphuma kwindawo engcwele baye entendelezweni engaphandle, kodwa baya kubeka izambatho zabo abalungiselela ngazo ngokwesiko,+ kuba ziyinto engcwele. Baya kwambatha ezinye izambatho,+ bamele ke basondele koko kunento yokwenza nabantu.” 15  Yayigqiba ke imilinganiselo yendlu ephakathi, ibe yandikhupha ngendlela yesango elingaphambili elalibheke ngasempuma,+ kwaye yalilinganisa macala onke. 16  Yalinganisa icala lasempuma ngengcongolo yokulinganisa. Yayiziingcongolo ezingamakhulu amahlanu, ngengcongolo yokulinganisa,+ macala onke. 17  Yalinganisa icala lasemntla, laba ziingcongolo ezingamakhulu amahlanu, ngengcongolo yokulinganisa, macala onke. 18  Yalinganisa icala lasemzantsi, laba ziingcongolo ezingamakhulu amahlanu, ngengcongolo yokulinganisa. 19  Yajikela ecaleni lasentshona. Yalinganisa iingcongolo ezingamakhulu amahlanu, ngengcongolo yokulinganisa. 20  Yayilinganisa ngamacala omane. Yayinodonga macala onke,+ olwaba ngamakhulu amahlanu eengcongolo ubude namakhulu amahlanu eengcongolo ububanzi,+ ukwahlukanisa oko kungcwele koko kuhlanjelweyo.+

Umbhalo osemazantsi