I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 41:1-26

41  Yaza yandisa etempileni, yaqhubeka ilinganisa iintsika ezisemacaleni, yaba ziikubhite ezintandathu ububanzi ngapha neekubhite ezintandathu ububanzi ngaphaya, ububanzi bentsika esecaleni.  Ububanzi bomnyango babuziikubhite ezilishumi, amacala omnyango eziikhubhite ezintlanu ngapha neekubhite ezintlanu ngaphaya. Yaza yaqhubeka ilinganisa ubude bawo, baba ziikubhite ezingamashumi amane; ububanzi bona, baba ziikubhite ezingamashumi amabini.  Yangena ngaphakathi yaza yalinganisa intsika esecaleni yomnyango, yaba ziikubhite ezimbini; umnyango waba ziikubhite ezintandathu; ububanzi bomnyango baba ziikubhite ezisixhenxe.  Yalinganisa ubude bawo, baba ziikubhite ezingamashumi amabini; ububanzi bawo baba ziikubhite ezingamashumi amabini,+ phambi kwetempile. Yandula ke yathi kum: “Yeyona Ngcwele le.”+  Yalinganisa udonga lwendlu, lwaba ziikubhite ezintandathu. Ububanzi begumbi elisecaleni babuziikubhite ezine, jikelele; liyijikelezile indlu leyo, macala onke.+  Amagumbi asemacaleni, yayiligumbi elisecaleni liphezu kwegumbi elisecaleni, imigangatho emithathu, kangangamashumi amathathu; yaye ayengena eludongeni lwendlu, oko kukuthi, amagumbi asemacaleni macala onke, ukuze abe nokubambeka, kodwa ayengabambekanga eludongeni lwendlu.+  Kwakuya kuba banzi ukujikeleza okukhona siya sinyuka isakhiwo ngokwamagumbi asecaleni, kuba ipaseji enamajikojiko yendlu yayisiya phezulu naphezulu macala onke endlu leyo.+ Ngoko ke indlu le yayisiba banzi phezulu, yaye ukususela kowona usezantsi umgangatho ubani wayenokunyuka aye kowona uphezulu umgangatho,+ ngomgangatho ophakathi.  Ndabona ukuba kwakukho iqonga eliphakamileyo lendlu leyo macala onke. Ngokubhekisele kwiziseko ezo zamagumbi asemacaleni, kwakukho ingcongolo epheleleyo eziikubhite ezintandathu ukuya kwisidibanisi.+  Ububanzi bodonga lwegumbi elisecaleni, ukuya ngaphandle, babuziikubhite ezintlanu. Kwakukho nesithuba esishiywe sivulekile ngokwakhiwa kwamagumbi asecaleni endlu leyo. 10  Naphakathi kwamagumbi okudlela+ ububanzi babuziikubhite ezingamashumi amabini obujikelezileyo, macala onke. 11  Umnyango wegumbi elisecaleni wawubheke ngakwisithuba esishiywe sivulekile, omnye umnyango ubheke ngasemntla, omnye ubheke ngasemzantsi; yaye ububanzi besithuba esishiywe sivulekile babuziikubhite ezintlanu, macala onke. 12  Nesakhiwo esasiphambi kwendawo eyahlukileyo, esinecala elibheke ngasentshona, sasiziikubhite ezingamashumi asixhenxe ububanzi. Yaye udonga lwesakhiwo lwaluziikubhite ezintlanu ububanzi, sinjalo macala onke; nobude balo babuziikubhite ezingamashumi asithoba. 13  Yayilinganisa indlu, iikubhite ezilikhulu ubude; nendawo eyahlukileyo nesakhiwo neendonga zaso, iikubhite ezilikhulu ubude. 14  Ububanzi bomphambili wendlu nendawo eyahlukileyo ukuya ngasempuma babuziikubhite ezilikhulu. 15  Yalinganisa ubude besakhiwo esiphambi kwendawo eyahlukileyo eyayisemva kwaso neegalari zaso kweli cala nakweliya icala, iikubhite ezilikhulu. Kwanetempile nendawo engaphakathi+ neeveranda zentendelezo; 16  imibundu leyo, iifestile ezinamanqwanqwa acuthekileyo,+ neegalari zazijikelezile zontathu. Phambi kombundu kwakufulelwe ngomthi macala onke,+ ukususela emgangathweni ukusa ezifestileni; yaye iifestile ezo zazigutyungelwe. 17  Ngentla komnyango nokufikelela endlwini ngaphakathi nangaphandle naphezu kodonga luphela macala onke, endlwini ngaphakathi nangaphandle, yayiyimilinganiselo, 18  kwaneekherubhi ezikroliweyo+ nemifanekiso yomthi wesundu,+ umfanekiso womthi wesundu uphakathi kwekherubhi nekherubhi, ikherubhi yayinobuso obubini.+ 19  Ubuso bomntu, bubheke emfanekisweni womthi wesundu kweli cala,+ nobuso bengonyama entsha enesingci, bubheke emfanekisweni womthi wesundu kweliya icala, ikroliwe endlwini yonke macala onke. 20  Ukususela emgangathweni ukusa ngentla komnyango kwakukrolwe iikherubhi nemifanekiso yomthi wesundu, eludongeni lwetempile. 21  Yona ke itempile, umgubasi wawusisikwere;+ yaye ngaphambi kwendawo engcwele kwakukho imbonakalo enjengembonakalo elandelayo: 22  isibingelelo somthi sasiziikubhite ezintathu ukuphakama, ubude baso buziikubhite ezimbini, yaye sasinezibonda zembombo.+ Ubude baso neendonga zaso yayingumthi. Yaza yathetha kum yathi: “Le yitafile ephambi koYehova.”+ 23  Itempile nendawo engcwele yayineminyango emibini.+ 24  Bezimbini iingcango zomnyango kwiminyango leyo, zinokujikwa-jikwa. Omnye umnyango wawuneengcango ezimbini, nomnye lowo wawuneengcango ezimbini. 25  Kule minyango yetempile kwakwenziwe iikherubhi nemifanekiso yomthi wesundu,+ njengaleyo yenzelwe iindonga, kwakukho nesigqubuthelo somthi ngaphambili everandeni engaphandle. 26  Kwakukho iifestile ezinamanqwanqwa acuthekileyo+ nemifanekiso yomthi wesundu ngapha nangaphaya ngasemacaleni everanda namagumbi asemacaleni endlu nezigubungelo ezo.

Umbhalo osemazantsi