Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 35:1-15

35  Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi:  “Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho+ kummandla weentaba wakwaSehire,+ uprofete ngawo.+  Uze uthi kuwo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndinxamnye nawe, mmandla weentaba wakwaSehire,+ yaye ndiza kusolulela kuwe isandla sam ndize ndikwenze inkangala ephanzileyo,+ isiphanziso kanye.+  Izixeko zakho ndiya kuzimisa njengendawo ephanzileyo, yaye wena uya kuba yinkangala nje ephanzileyo;+ wazi ukuba ndinguYehova,+  ngenxa yokuba uye wanobutshaba obuhlala ngokungenammiselo+ waza waqhubeka enikela oonyana bakaSirayeli emandleni ekrele,+ ngexesha lentlekele yabo,+ ngexesha lesiphoso sabo sokugqibela.”’+  “‘Ngoko ke ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ngenxa yokuba bendikulungiselela igazi, ngoko ke uya kusukelwa ligazi.+ Ngokuqinisekileyo wawulithiyile igazi, yaye igazi liya kukusukela.+  Ngokuqinisekileyo ndiya kuwenza ube yinkangala ephanzileyo ummandla weentaba wakwaSehire, isiphanziso kanye,+ ndimnqumle odlulayo nobuyelayo kuwo.+  Kwaye ndiza kuzalisa iintaba zawo ngababuleweyo bawo; zona ke iinduli zakho neentlambo zakho nayo yonke imisinga yakho, bona kanye ababulewe ngekrele baya kuwela kuyo.+  Ndiya kukwenza iinkangala eziphanzileyo ezihlala ngokungenammiselo, nezixeko zakho aziyi kuba nabemi;+ ukuze nazi ukuba ndinguYehova.’+ 10  “Ngenxa yokuba nisithi, ‘Ezi ntlanga zimbini nala mazwe mabini—aya kuba ngawam, yaye ngokuqinisekileyo siya kulithabatha njengelifa ilizwe ngalinye,’+ ngoxa uYehova ngokwakhe elapho kanye,+ 11  ‘ngoko ke ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ndiza kwenza ngokomsindo wakho nangokwekhwele lakho olibonakalisileyo ngenxa yeemvakalelo zentiyo onazo ngakuwo;+ yaye ndiza kuzazisa phakathi kwawo xa ndikugweba.+ 12  Uya kwazi ukuba mna, Yehova, ndizivile zonke izinto zokungabi nantlonelo oye wazitsho ngokuphathelele iintaba zakwaSirayeli,+ usithi: “Ziphanzile. Zinikelwe kuthi ukuba zibe kukudla.”+ 13  Kwaye namana nizikhukhumalisa nxamnye nam ngemilomo yenu,+ niwandisa namazwi enu nxamnye nam.+ Mna ke ndiwevile.’+ 14  “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Xa wonke umhlaba unemihlali, ndiya kukwenza ube yinkangala ephanzileyo. 15  Kanye njengoko wawunemihlali ngenxa yelifa lendlu kaSirayeli ngenxa yokuba yayiphanzisiwe, ndiya kwenza okufanayo nangawe.+ Uya kuba yinkangala ephanzileyo, mmandla weentaba wakwaSehire, kwanalo lonke elakwaEdom;+ ukuze bazi ukuba ndinguYehova.’”+

Umbhalo osemazantsi