I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 29:1-21

29  Ngonyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngomhla weshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa+ uze uprofete ngaye nangeYiputa yonke iphela.+  Thetha, uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndinxamnye nawe, Faro, kumkani waseYiputa,+ silo esikhulu saselwandle+ esibuthume phakathi kwemijelo yomNayile waso,+ esithe, ‘UMlambo wam umNayile ngowam, yaye mna—ndizenzele wona.’+  Ndiza kufaka amagwegwe emihlathini yakho+ ndize ndizinamathelise emaxolweni akho iintlanzi zemijelo yomNayile wakho. Ndiza kukunyusa uphume phakathi kwemijelo yomNayile wakho nazo zonke iintlanzi zemijelo yomNayile wakho ezinamathela kumaxolo akho.  Ndiza kukushiya ke entlango, wena neentlanzi zemijelo yomNayile+ wakho. Uya kuwela phezu komhlaba.+ Akuyi kuhlanganiswa ungayi kuqokeleleka ndawonye. Ndiza kukunikela ube kukutya kwamarhamncwa omhlaba nokwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu.+  Bonke abemi baseYiputa baya kwazi ukuba ndinguYehova,+ ngenxa yokuba bona babe yingcongolo yokuxhasa indlu kaSirayeli.+  Xa bakubamba ngesandla, wasuka watyumka,+ waza wakrazula igxalaba labo liphela. Bakuzixhasa ngawe, usuke waphuka,+ wabangela zagexa zonke izinqe zabo.”+  “‘Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndikuzisela ikrele,+ yaye ndiza kunqumla kuwe umntu wasemhlabeni nesilwanyana sasekhaya.+  Kwaye ilizwe laseYiputa liya kuba yinkangala ephanzileyo nendawo echithakeleyo;+ bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa yokuba yena uthe, ‘UMlambo umNayile ngowam, ndiwenze ngokwam.’+ 10  Ngoko ke yabona, ndinxamnye nawe nemijelo yomNayile wakho,+ yaye ndiza kulenza ilizwe laseYiputa libe ziindawo ezichithakeleyo,+ ezomileyo, inkangala ephanzileyo, ukususela eMigdoli+ ukusa eSiyene+ nakumda wamaTiyopiya. 11  Akuyi kudlula lunyawo lomntu wasemhlabeni kuyo,+ nonyawo lwesilwanyana sasekhaya aluyi kudlula kuyo,+ yaye ayiyi kuba nabemi kangangeminyaka engamashumi amane.+ 12  Kwaye ilizwe laseYiputa ndiza kulenza inkangala ephanzileyo phakathi kwamazwe achithakeleyo;+ nezixeko zayo ziya kuba yinkangala ephanzileyo phakathi kwezixeko ezichithakeleyo kangangeminyaka engamashumi amane;+ yaye ndiza kuwachithachitha amaYiputa phakathi kweentlanga, ndiwasasaze emazweni.”+ 13  “‘Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ekupheleni kweminyaka engamashumi amane+ ndiya kuwaqokelela ndawonye amaYiputa kwizizwana aya kube echithachitheke phakathi kwazo,+ 14  ndibuyisele iqela labathinjwa bamaYiputa; ndibabuyisele kwilizwe lasePatrosi,+ kwilizwe lemvelaphi yabo, yaye bamele babe bubukumkani obuthotyiweyo. 15  Buya kuthotywa bube ngaphantsi kwezinye izikumkani, abuyi kuphinda ke buziphakamise phezu kwezinye iintlanga,+ ndiza kubenza babe mbalwa ngokokuze bangabi nabukhosi kwezinye iintlanga.+ 16  Yaye abuyi kuphinda bube yintembelo yendlu kaSirayeli,+ bezikhumbuza isiphoso ngokujika balandele bona.+ Baya kwazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova.”’” 17  Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe, ngeyokuqala inyanga, ngowokuqala umhla enyangeni leyo, ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi: 18  “Nyana womntu, uNebhukaderetsare,+ ukumkani waseBhabhiloni, wenze umkhosi wamajoni akhe wafeza inkonzo enkulu nxamnye neTire.+ Zonke iintloko zichetywe iinkqayi, namagxalaba onke atyabukile.+ Kodwa umvuzo wona,+ akabanga nawo yena nomkhosi wakhe wamajoni eTire ngenxa yenkonzo leyo ayifezileyo nxamnye nayo. 19  “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Yabona, ndilinikela kuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni ilizwe laseYiputa,+ yaye umele ayithabathe emke nayo indyebo yalo aze athabathe into eninzi yamaxhoba kulo,+ aliphange kakhulu; libe ngumvuzo womkhosi wamajoni akhe.’ 20  “‘Ndimnike ilizwe laseYiputa ukuba libe yimbuyekezo yenkonzo ayenzileyo nxamnye nalo, ngenxa yokuba bebesebenzela mna,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 21  “Ngaloo mini ndiya kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli,+ yaye wena ndiya kukunika ithuba lokuvula umlomo phakathi kwabo;+ bazi ukuba ndinguYehova.”

Umbhalo osemazantsi