I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 25:1-17

25  Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi:  “Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amoni, uprofete ngabo.+  Uze uthi ngokuphathelele oonyana baka-Amoni, ‘Liveni ilizwi leNkosi enguMongami uYehova. Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ngenxa yokuba uthe Heke! kwingcwele yam, ngenxa yokuba ihlanjelwe, nakumhlaba wakwaSirayeli, ngenxa yokuba wenziwe inkangala, nakwindlu yakwaYuda, ngenxa yokuba ithinjiwe,+  ke ngoko yabona, ndikunikela kwabaseMpumalanga njengelifa,+ yaye baya kumisa iinkampu zabo ezibiyelwe ngeendonga kuwe, babeke  iminquba yabo kuwe. Baya kusidla isiqhamo sakho, basele nobisi lwakho.+  Ndiza kuyenza iRabha+ ibe lidlelo leenkamela, eloonyana baka-Amoni libe yindawo yokuphumla komhlambi;+ nazi ukuba ndinguYehova.”’”+  “Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba uqhwabe izandla+ waza wangqisha ngeenyawo waba nemihlali ngokugculela konke komphefumlo wakho nxamnye nomhlaba wakwaSirayeli,+  ngoko ke ndim lo; ndisolulele kuwe isandla sam,+ yaye ndiza kukunikela ezintlangeni njengento yokuphangwa; ndikunqumle kwizizwana ndize ndikutshabalalise emazweni.+ Ndiya kukubhubhisa,+ wazi ukuba ndinguYehova.’  “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba uMowabhi+ noSehire+ bethe: “Khangela! Indlu kaYuda injengazo zonke ezinye iintlanga,”+  ngoko ke yabona, ndiyalivula ithambeka lakwaMowabhi ezixekweni, ezixekweni zakhe ezisemdeni wakhe, umhombiso welizwe, iBhete-yeshimoti,+ iBhahali-meyon,+ kwanakwiKiriyatayim,+ 10  kwabaseMpumalanga,+ ecaleni koonyana baka-Amoni;+ yaye ndiza kulenza into elilifa, ukuze lingabi nakukhunjulwa,+ oko kukuthi, oonyana baka-Amoni, phakathi kweentlanga. 11  NakwaMowabhi ndiya kugweba;+ ukuze bazi ukuba ndinguYehova.’+ 12  “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba uEdom eziphindezelele kwindlu kaYuda waza waqhubeka esenza ububi obukhulu eziphindezelela kuyo,+ 13  ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ndiza kusolulela nakwelakwaEdom+ isandla sam ndize ndinqumle kulo umntu nesilwanyana sasekhaya,+ ndilenze libe yindawo ephanzileyo ukususela kwaTeman,+ kuse nakwaDedan.+ Baya kuwa likrele. 14  ‘Yaye ndiza kuyizisa impindezelo yam kwaEdom ngesandla sabantu bam uSirayeli;+ benze kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; kwaye kuya kufuneka bayazi impindezelo yam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’ 15  “Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba amaFilisti enze ngempindezelo+ aza aziphindezelela ngempindezelo egculela ngomphefumlo, ukuze abangele ukonakala,+ ngobutshaba obuhlala ngokungenammiselo,+ 16  ke ngoko itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndisolulela kumaFilisti isandla sam,+ yaye ndiza kuwanqumla amaKereti+ ndize ndibatshabalalise bonke abaselunxwemeni lolwandle.+ 17  Kwaye ndiza kuphindezela kuwo ngezohlwayo zobushushu;+ yaye baya kwazi ukuba ndinguYehova ekuziseni kwam impindezelo kubo.”’”+

Umbhalo osemazantsi