Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 2:1-10

2  Waza wathi kum: “Nyana womntu,+ yima ngeenyawo zakho ukuze ndithethe nawe.”+  Kwangena ke kum umoya kamsinya nje akuba ethethile kum,+ yaye ekugqibeleni wandenza ndema ngeenyawo zam ukuze ndimve Lowo uthetha kum.+  Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthumela koonyana bakaSirayeli,+ kwiintlanga ezinemvukelo ezindivukeleyo.+ Bona kunye nookhokho babo banxaxhile kum kwada kwayile mini.+  Noonyana abanobuso obusileyo+ nentliziyo elukhuni+—ndikuthumela kubo, yaye umele uthi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova.’  Ke bona, enoba baya kuva+ okanye abayi kuva+—kuba bayindlu enemvukelo+—ngokuqinisekileyo baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.+  “Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika;+ namazwi abo ungawoyiki, ngenxa yokuba baneenkani+ kwaye bayahlaba+ yaye uhlala phakathi koonomadudwane.+ Amazwi abo ungawoyiki,+ ungankwantyiswa nabubuso babo,+ kuba bayindlu enemvukelo.+  Yaye umele uwathethe amazwi am kubo, enoba bayeva okanye abeva, kuba banemvukelo.+  “Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe. Ungabi nemvukelo njengendlu enemvukelo.+ Vula umlomo wakho uze utye oko ndikunika kona.”+  Ndaza ndabona, khangela! naso isandla solulelwe kum,+ yaye, khangela! kuso kwakukho umqulu wencwadi.+ 10  Wayitwabulula phambi kwam, kwaye yayibhaliwe ngaphambili nangasemva;+ kwakubhalwe kuyo izimbonono nokudumzela nezijwili.+

Umbhalo osemazantsi