Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 19:1-14

19  “Wena ke, phakamisa isimbonono+ ngokuphathelele izikhulu zakwaSirayeli,+  uze uthi, ‘Ubeyintoni na unyoko? Imazi yengonyama phakathi kweengonyama.+ Wabuthuma phakathi keengonyama ezintsha ezinezingci. Wakhulisa amathole akhe.  “‘Yaye wakhulisa elinye lamathole akhe.+ Laba yingonyama entsha enesingci, lafunda indlela yokudlakaza ixhoba.+ Laqwenga kwanomntu wasemhlabeni.  Kwaye iintlanga zamana zisiva ngalo. Labanjiswa emhadini wazo, zalizisa kwilizwe laseYiputa ngamagwegwe.+  “‘Wathi akubona ukuba wayelindile laza ithemba lakhe latshabalala, wandula ke wathabatha elinye lamathole akhe.+ Walibeka laba yingonyama entsha enesingci.  Laza lahambahamba phakathi kweengonyama. Laba yingonyama entsha enesingci. Lafunda indlela yokudlakaza ixhoba.+ Laqwenga kwanomntu wasemhlabeni.+  Lazazi iinqaba ahlala kuzo, laphanzisa nezixeko zabo,+ kangangokuba ilizwe laba leliphanzileyo laza lalizalisa ngesandi sokugquma kwalo.+  Zaza iintlanga ezazivela macala onke kumaphondo zamisa umnatha wazo nxamnye nalo,+ zawaneka phezu kwalo.+ Labanjiswa emhadini wazo.+  Ekugqibeleni zalifaka endlwaneni ngamagwegwe zaza zalizisa kukumkani waseBhabhiloni.+ Zalizisa ngeminatha yokuzingela, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala kwakhona ezintabeni zakwaSirayeli.+ 10  “‘Unyoko+ wayenjengomdiliya egazini lakho,+ otyalwe ngasemanzini. Wathwala isiqhamo waba namasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.+ 11  Aba ziintonga zakhe ezomeleleyo, iintonga zasebukhosini zabalawuli.+ Wakhula waba mde phakathi kwamasebe, waza ke wabonakala ngenxa yobude bawo, ngenxa yamahlamvu awo amaninzi.+ 12  Kodwa ekugqibeleni wancothulwa ngokuvutha komsindo.+ Waphoswa emhlabeni, umoya wasempuma ke wazomisa iziqhamo zawo.+ Intonga yawo eyomeleleyo yaphulwa yaza yoma.+ Yaqwengwa ngumlilo.+ 13  Yaye ngoku utyalwe entlango,+ kwilizwe elingenamanzi nelomileyo.+ 14  Kwaphuma ke umlilo entongeni yawo.+ Wadla amahlumelo awo nesiqhamo sawo, akwabikho ntonga yomeleleyo kuwo, akwabikho ntonga yasebukhosini yokulawula.+ “‘Sisimbonono eso, yaye iya kuba sisimbonono.’”+

Umbhalo osemazantsi