I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hezekile 15:1-8

15  Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi:  “Nyana womntu, wahluka ngayiphi indlela umthi womdiliya+ kuyo yonke eminye imithi, ihlumelo, eliye laphakathi kwemithi yehlathi?  Kukha kuthatyathwe isibonda kuwo sokwenza umsebenzi othile? Okanye bakhe bathabathe na abantu kuwo isikhonkwane sokuxhoma naluphi na uhlobo lwempahla?  Khangela! Umele ufakwe emlilweni ube sisibaso.+ Ngokuqinisekileyo umlilo uyaziqwenga iincam zawo zombini, nomphakathi wawo uyatsha.+ Uwufanelekele na nawuphi na umsebenzi?  Khangela! Xa uphelele, awusetyenziselwa nawuphi na umsebenzi. Kubeke phi na ke, xa uqwengwe ngumlilo waza watshiswa, ngokwenene unokusetyenziselwa nawuphi na umsebenzi obhekele phaya!”+  “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Kanye njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwunikele emlilweni njengesibaso, ngokunjalo ndibanikele abemi baseYerusalem.+  Yaye ndibubhekise kubo ubuso bam.+ Baphume emlilweni, kodwa umlilo uya kubaqwenga.+ Niya kwazi ukuba ndinguYehova, xa ndibhekise ubuso bam kubo.’”+  “‘Yaye ilizwe ndiza kulenza libe yinkangala,+ ngenxa yokuba benze ngokungathembeki,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Umbhalo osemazantsi