I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hebhere 5:1-14

5  Kuba wonke umbingeleli omkhulu othatyathwe phakathi kwabantu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto eziphathelele uThixo,+ ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.+  Uyakwazi ukuqhubana ngobungcathu kunye nabangenalwazi nabo benza iziphoso ekubeni naye enobuthathaka bakhe,+  yaye ngenxa yabo ubophelelekile ukuba azenzele iminikelo yezono njengoko kukwanjalo nangabantu.+  Kanjalo, umntu uyithabatha le mbeko, kungengakuzithandela,+ kodwa kuphela xa ebizwe nguThixo,+ kanye njengoko kwakunjalo nangoAron.+  Ngokunjalo ke noKristu akazange azizukise+ ngokwakhe ngokuba ngumbingeleli omkhulu,+ kodwa wazukiswa+ ngulowo wathetha ngokubhekisele kuye wathi: “Ungunyana wam; mna, namhlanje, ndibe nguyihlo.”+  Kunjengokuba esitsho kwanakwenye indawo ukuthi: “Ungumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeki.”+  Ngemihla yenyama yakhe [uKristu] wanikela izikhungo kwanezibongozo+ kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla+ neenyembezi, yaye waviwa ngokukholekileyo ngenxa yoloyiko lwakhe lobuthixo.+  Nangona wayenguNyana, wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo;+  yaye emva kokuba enziwe wagqibelela+ waba nembopheleleko yosindiso olungunaphakade+ kubo bonke abo bamthobelayo,+ 10  ngenxa yokuba uye ngokukhethekileyo wabizwa nguThixo ngokuba ungumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki.+ 11  Ngokuphathelele yena sinokuninzi esingakuthetha nekunganzima ukukucacisa, ekubeni niye nabuthuntu ekuveni kwenu.+ 12  Kuba, eneneni, nangona benifanele ukuba ngabafundisi+ ngenxa yexesha, nisafuna kwakhona uthile wokunifundisa ukususela ekuqaleni izinto eziziziqalelo+ zezibhengezo ezingcwele zikaThixo;+ yaye nisuke naba njengabasafanelwe lubisi, kungekhona ukutya okuqinileyo.+ 13  Wonk’ ubani osasela ubisi akaqhelananga nelizwi lobulungisa, kuba ulusana.+ 14  Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasenzisa amandla abo okuqonda+ bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.+

Umbhalo osemazantsi