Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Heb 3:1-19

3  Ngenxa yoko, bazalwana abangcwele, abanesabelo kubizo lwasezulwini,+ mqwalaseleni umpostile+ nombingeleli omkhulu lowo simvumayo+—uYesu.  Wayethembekile+ kuLowo wamenzayo, njengoko noMoses+ wayenjalo kuyo yonke indlu yaLowo.+  Kwaye yena ubalelwa ekuthini ufanelwe luzuko olungakumbi+ kunoMoses, kwanjengokuba lowo+ uyakhayo indlu enembeko ngakumbi kunayo.+  Kambe ke, ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.+  Yaye uMoses njengomlindi+ wayethembekile kuyo yonke indlu yaLowo njengobungqina bezinto ezaziza kuthethwa kamva,+  kodwa uKristu wayethembekile njengoNyana+ phezu kwendlu yaLowo. Thina siyindlu yaLowo,+ ukuba sibambelela nkqi kwinkululeko yethu yokuthetha nasekuqhayiseni kwethu ngethemba siqinise kude kuse ekupheleni.+  Ngenxa yesi sizathu, kanye njengokuba nomoya oyingcwele+ usitsho: “Namhlanje ukuba niyaliphulaphula ilizwi lakhe,+  musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu njengaxa bavuselela umsindo wakhe okrakra,+ ekumvavanyeni+ kwabo entlango,+  apho ookhokho benu bandivavanya ngesilingo, nakuba babeyibonile imisebenzi yam+ kangangeminyaka engamashumi amane.+ 10  Yiyo leyo into eyandenza ndazotheka sesi sizukulwana ndaza ndathi, ‘Basoloko belahleka ezintliziyweni zabo,+ yaye abazazanga iindlela zam.’+ 11  Ngoko ndafunga ndinomsindo ndathi, ‘Abayi kungena+ ekuphumleni kwam.’”+ 12  Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo;+ 13  kodwa hlalani nibongozana+ umhla ngamnye, lo gama kusathiwa “Namhlanje,”+ ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo+ esono. 14  Kuba okunene siba nesabelo kuKristu+ kuphela ukuba sibambelela nkqi kwintembelo esasinayo ekuqaleni, siqinise kude kuse ekupheleni,+ 15  ngoxa kusithiwa: “Namhlanje ukuba niyaliphulaphula ilizwi lakhe,+ musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu njengaxa bavuselela umsindo wakhe okrakra.”+ 16  Ngoobani na ke abo bevayo baza sekunjalo bambangela wanomsindo okrakra?+ Asingabo bonke na abo baphuma eYiputa phantsi kukaMoses?+ 17  Ngoobani bona abo wazotheka ngabo uThixo iminyaka engamashumi amane?+ Yayingengabo na abo bonayo, abazidumbu zabo zawa entlango?+ 18  Kodwa ngoobani awabafungela+ ngokuthi abayi kungena ekuphumleni kwakhe ngaphandle kwabo bangazange bathobele?+ 19  Ngoko siyabona ukuba ababanga nakungena ngenxa yokuswela ukholo.+

Umbhalo osemazantsi