I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hebhere 2:1-18

2  Ngenxa yoko, simele sinikele ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo kwizinto esizivileyo,+ ukuze singakhukuliseki.+  Kuba ukuba ilizwi elathethwa ngeengelosi+ laliqine kangangokuba abo banxaxhayo kulo, abalithobela, bafumana impindezelo yokusesikweni;+  singasinda+ njani na ke thina, ukuba siye asalukhathalela+ usindiso olungaka ukuba lukhulu,+ ekwaqaliswa ukuthethwa ngalo ngayo iNkosi yethu+ lwaza lwaqinisekiswa+ kuthi ngabo bayivayo,  waza noThixo walingqinela ngemiqondiso nangemihlola nangemisebenzi yamandla+ eyahlukahlukeneyo nangolwabiwo+ lomoya oyingcwele ngokokuthanda kwakhe?+  Kuba akawuthobelanga kwiingelosi umhlaba omiweyo oza kuza,+ lowo sithetha ngawo.  Kodwa kunjengokuba kunikelwe ubungqina kwathiwa: “Uyintoni na umntu le nto umkhumbulayo,+ okanye unyana womntu le nto umnyamekelayo?+  Umhlise kancinane kuneengelosi; wamthwesa uzuko nembeko,+ waza wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho.+  Zonke izinto uzithobele phantsi kweenyawo zakhe.”+ Kuba ekubeni ethobele zonke izinto kuye+ uThixo akashiyanga nto ingathotyelwanga kuye.+ Noko ke, ngoku, asikaziboni zonke izinto zithotyelwe kuye;+  kodwa simbona uYesu, ohliswe kancinane kuneengelosi,+ ethweswe uzuko+ nembeko ngenxa yokubandezeleka ekufeni,+ ukuze ngobubele obungasifanelanga bukaThixo angcamle ukufa ngenxa yabantu bonke.+ 10  Kuba kwakufanelekile ukuba lowo zibekho ngenxa yakhe zonke izinto+ nezibekho ngaye zonke izinto, ekuziseni oonyana abaninzi eluzukweni,+ enze uMmeli Oyintloko+ wosindiso lwabo agqibelele ngazo iimbandezelo.+ 11  Kuba kokubini lowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo+ bonke baphuma kumthombo omnye,+ yaye ngenxa yesi sizathu akanazintloni ukubabiza ngokuthi “bazalwana,”+ 12  njengoko esithi: “Ndiya kulivakalisa kubazalwana bam igama lakho; phakathi ebandleni ndiya kukudumisa ngengoma.”+ 13  Nokuthi: “Ndiya kukholosa ngaye.”+ Nokuthi: “Khangela! Mna nabantwana abaselula, abo uYehova andinike bona.”+ 14  Ngoko ke, ekubeni “abantwana abaselula” bengabanesabelo kwigazi nenyama, naye ngokufanayo waba nenxaxheba kwezo zinto,+ ukuze ngokufa kwakhe+ amtshitshise+ lowo unamandla okubangela ukufa,+ oko kukuthi, uMtyholi;+ 15  aze abakhulule+ bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa+ ubomi babo bonke.+ 16  Kuba ngokwenene akancedi zingelosi konke konke, kodwa unceda imbewu ka-Abraham.+ 17  Ngenxa yoko wayebophelelekile ukuba abe “njengabazalwana” bakhe kwiinkalo zonke,+ ukuze abe nokuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto eziphathelele uThixo,+ ukuze anikele umbingelelo wokucamagushela+ izono zabantu.+ 18  Kuba ekubeni yena ngokwakhe wabandezeleka ngokuvavanywa,+ unako ukubanceda abo bavavanywayo.+

Umbhalo osemazantsi