I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hagayi 2:1-23

2  Ngenyanga yesixhenxe,+ ngomhla wamashumi amabini ananye wenyanga leyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi+ umprofeti, lisithi:  “Nceda, uthethe kuZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli,+ irhuluneli yakwaYuda,+ nakuYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki+ umbingeleli omkhulu, nakwabo baseleyo ebantwini, uthi,  ‘Ngubani na okhoyo phakathi kwenu oseleyo owayibonayo le ndlu kuzuko lwayo lwangaphambili?+ Yaye niyibona injani ngoku nina? Ngaba, xa niyithelekisa noko, ayinto engento na emehlweni enu?’+  “‘Yomelela ke ngoku, Zerubhabheli,’ utsho uYehova, ‘Womelele nawe,+ Yoshuwa nyana kaYehotsadaki umbingeleli omkhulu.’ “‘Nomelele, nani nonke bantu beli lizwe,’ utsho uYehova, ‘nize nisebenze.’+ “‘Kuba ndinani,’+ utsho uYehova wemikhosi.  ‘Khumbulani oko ndanqophisana ngako nani xa naphumayo eYiputa,+ naxa umoya wam+ wawumi phakathi kwenu. Musani ukoyika.’”+  “Kuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Kukanye nje—lithutyana+—ndiwanyikimise amazulu nomhlaba nolwandle nomhlaba owomileyo.’+  “‘Yaye ndiya kuzinyikimisa zonke iintlanga, zize izinto ezinqwenelekayo zazo zonke iintlanga zingene;+ yaye ndiya kuyizalisa ngozuko le ndlu,’+ utsho uYehova wemikhosi.  “‘Yeyam isilivere, negolide yeyam,’+ utsho uYehova wemikhosi.  “‘Luya kuba lukhulu ngakumbi uzuko lwale ndlu yamva kunolo lweyangaphambili,’+ utsho uYehova wemikhosi. “‘Yaye ndiya kunikela uxolo kule ndawo,’+ utsho uYehova wemikhosi.” 10  Ngomhla wamashumi amabini anesine wenyanga yesithoba, ngonyaka wesibini kaDariyo, lafika ilizwi likaYehova kuHagayi+ umprofeti, lisithi: 11  “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Khanincede, nibuze ababingeleli umthetho,+ nithi: 12  “Ukuba indoda ithwele inyama engcwele embhinqweni wesambatho sayo, ize ichukumise ngombhinqo wayo isonka okanye isityu okanye iwayini okanye ioli okanye naluphi na uhlobo lokutya, ngaba luya kuba ngcwele?”’”+ Baza ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!” 13  Waza uHagayi wahlabela mgama wathi: “Ukuba umntu ongahlambulukanga ngenxa yomphefumlo ofileyo uchukumisa nayiphi na kwezi zinto, ngaba iya kuba yengahlambulukanga?” Baphendula ke bona ababingeleli bathi: “Iya kuba yengahlambulukanga.”+ 14  Waza ke uHagayi waphendula wathi: “‘Sinjalo ke esi sizwana, yaye lunjalo ke olu hlanga phambi kwam,’+ utsho uYehova wemikhosi, ‘unjalo ke wonke umsebenzi wezandla zabo, nayo nantoni na abayinikelayo apho. Ayihlambulukanga.’+ 15  “‘Khanincede, ke ngoku, nibeke intliziyo yenu+ koku ukususela kulo mhla kuse phambili, ngaphambi kokuba kubekwe ilitye phezu kwelitye etempileni kaYehova,+ 16  ukususela ekwenzekeni kwezo zinto—mntu uthile wafika kwimfumba yemilinganiselo engamashumi amabini, kwaye yangqineka ilishumi; mntu uthile weza kwifatyi yesixovulelo ukuze akhe imilinganiselo engamashumi amahlanu yomkhumbi wewayini, kwaye yangqineka ingamashumi amabini;+ 17  ndanibetha+ ngembalela+ nangesihumba nangesichotho,+ nawo wonke umsebenzi wezandla zenu,+ kwaye kwakungekho namnye wenu obuyela kum,’+ utsho uYehova— 18  “‘Khanincede, nibeke intliziyo yenu+ koku ukususela namhlanje kuse phambili, ukususela kumhla wamashumi amabini anesine wenyanga yesithoba, ukususela kumhla isiseko setempile kaYehova esabekwa ngawo;+ bekani intliziyo yenu koku: 19  Ngaba sele ikho imbewu yokudla okuziinkozo esiseleni?+ Kwaye ngoku, umdiliya nomkhiwane nomthi werharnati nomthi womnquma—awukaxakathi, akunjalo? Ukususela kulo mhla ndiya kujizeka iintsikelelo.’”+ 20  Laza lafika okwesihlandlo sesibini ilizwi likaYehova kuHagayi+ ngomhla wamashumi amabini anesine wenyanga leyo,+ lisithi: 21  “Yithi kuZerubhabheli irhuluneli yakwaYuda,+ ‘Ndiyawanyikimisa amazulu nomhlaba.+ 22  Ngokuqinisekileyo ndiya kuyibhukuqa itrone yezikumkani ndize ndiwabhangise amandla ezikumkani zeentlanga;+ yaye ndiya kuzibhukuqa iinqwelo nabakhweli bazo, namahashe nabakhweli bawo baya kwehla ngokuqinisekileyo,+ ngamnye ngekrele lomzalwana wakhe.’”+ 23  “‘Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘Ndiya kukuthabatha, Zerubhabheli+ nyana kaShelatiyeli,+ mkhonzi wam,’ utsho uYehova; ‘yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukubeka ube njengomsesane wokutywina,+ ngenxa yokuba ungulowo ndimnyulileyo,’+ utsho uYehova wemikhosi.”+

Umbhalo osemazantsi