I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Hagayi 1:1-15

1  Ngonyaka wesibini kaDariyo ukumkani,+ ngenyanga yesithandathu, ngomhla wokuqala enyangeni, lafika ilizwi likaYehova ngoHagayi+ umprofeti lisiza kuZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli,+ irhuluneli yakwaYuda,+ nakuYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki+ umbingeleli omkhulu, lisithi:  “Utsho uYehova wemikhosi+ ukuthi, ‘Ngokuphathelele esi sizwana, bathe: “Alikafiki ixesha, ixesha lendlu kaYehova, lokuba yakhiwe.”’”+  Laqhubeka lifika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi:  “Ngaba lixesha lokuba nina nihlale ezindlwini zenu ezifulelwe ngamaplanga,+ ngoxa le ndlu ichithakele?+  Ngoku ke utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Bekani intliziyo yenu ezindleleni zenu.+  Nihlwayele imbewu eninzi, kodwa ingeniso incinane.+ Kuyadliwa, kodwa akukho kwaneliseka.+ Kuyaselwa, kodwa akufikwa kwinqanaba lokuyotywa. Kwambathwa iimpahla, kodwa akukho nabani na ofudumalayo; yaye lowo uziqeshisayo uziqeshisa ngengxowa enemingxuma.’”+  Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Bekani intliziyo yenu ezindleleni zenu.’+  “‘Nyukani niye entabeni, nize nizise imithi.+ Nakhe indlu,+ ukuze ndikholiswe yiyo+ ndize ndizukiswe,’+ utsho uYehova.”  “‘Kwakulindelwe okuninzi, kodwa kwabakho okuncinane;+ yaye nikuzise endlwini, ndaza ndakuvuthela+—ngenxa yasiphi isizathu?’+ utsho uYehova wemikhosi. ‘Ngenxa yendlu yam echithakeleyo, ngoxa nibaleka, elowo ngenxa yendlu yakhe.+ 10  Ngoko ke ngenxa yenu amazulu akawukhuphanga umbethe wawo, waza nomhlaba awayikhupha imveliso yawo.+ 11  Ndaza ndaqhubeka ndibiza ukoma emhlabeni, nasezintabeni, nasekudleni okuziinkozo, nakwiwayini entsha,+ nakwioli, nakoko umhlaba ubuza kukuvelisa, nakumntu wasemhlabeni, nakwisilwanyana sasekhaya, nakuko konke ukubulaleka kwezandla.’”+ 12  Waza uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli, noYoshuwa unyana kaYehotsadaki+ umbingeleli omkhulu, nabo bonke abaseleyo ebantwini baqalisa ukuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wabo,+ namazwi kaHagayi+ umprofeti, njengoko uYehova uThixo wabo wayemthumele; baza abantu baqalisa ukoyika ngenxa kaYehova.+ 13  Kwaye uHagayi umthunywa+ kaYehova wahlabela mgama wathetha ebantwini ngokothumo lomthunywa ovela kuYehova,+ esithi: “‘Ndinani,’+ utsho uYehova.” 14  Waza uYehova wawuvuselela umoya+ kaZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, irhuluneli yakwaYuda, nomoya kaYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki umbingeleli omkhulu, nomoya wabo bonke abaseleyo ebantwini; baza baqalisa ukungena nokwenza umsebenzi wendlu kaYehova wemikhosi uThixo wabo.+ 15  Kwakungomhla wamashumi amabini anesine wenyanga yesithandathu ngonyaka wesibini kaDariyo+ ukumkani.

Umbhalo osemazantsi