Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Habhakuki 1:1-17

1  Isibhengezo uHabhakuki umprofeti awafumana umbono waso:  Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva?+ Kuya kude kube nini na ndicela ukuba undincede kugonyamelo, ungandisindisi?+  Kutheni undenza ndibone okwenzakalisayo, uze uqhubeke ujonga inkathazo? Kutheni kukho ukuphanga nogonyamelo phambi kwam, yaye kutheni kusibakho ukuxabana, ibe kutheni kuqhubeka imbambano?+  Ngoko ke umthetho undindisholo, nokusesikweni akuze kubekho.+ Ngenxa yokuba olilungisa ungqongwe ngongendawo, ngoko okusesikweni kuphuma kugwenxa.+  “Khangelani, phakathi kweentlanga, nize nondele, nijongane nimangalisiwe.+ Yithini manga; kuba kukho umsebenzi ubani awenzayo ngemihla yenu, eningayi kuwukholelwa nangona ubaliswa.+  Kuba uyabona ndinyusa amaKhaledi,+ uhlanga olunobukrakra noludyuduzelayo, oluya kwiindawo ezibanzi zomhlaba ukuze luzidle ilifa iindawo zokuhlala ezingezozalo.+  Luyothusa yaye luyoyikeka. Kulo kuphuma okusesikweni kwalo nesidima salo.+  Amahashe alo angqineke ekhawuleza ngaphezu kwamahlosi, yaye angqineke endlongondlongo ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa.+ Amahashe alo emfazwe agqubile, yaye amahashe alo emfazwe avela kude. Atshwebeleza okokhozi olukhawulezela ukuya kudla okuthile.+  Lonke luphela luzela ugonyamelo.+ Ubuso babo bumbumba-nye njengomoya wasempuma,+ yaye luhlanganisa abathinjwa kanye njengentlabathi. 10  Ke lona, lugculela ookumkani, namagosa aphakamileyo ayintlekisa kulo.+ Ke lona, luhleka kwanazo zonke iindawo ezinqatyisiweyo,+ yaye lufumba uthuli luze luzithimbe. 11  Ngelo xesha ngokuqinisekileyo luya kukhukula njengomoya yaye luya kudlula luze lube netyala ngokwenene.+ La mandla alo abangelwa nguthixo walo.”+ 12  Ngaba akusukeli kumaxesha akudala, Yehova?+ Owu Thixo wam, Wena Ungcwele wam, akufi.+ Owu Yehova, ulumisele umgwebo; yaye, wena Liwa,+ ulusekele ukohlwaywa.+ 13  Usulungeke kakhulu emehlweni ukuba ungabona okubi; yaye akukwazi ukukhangela inkathazo.+ Kutheni na ukhangela abo benza ngobuqhophololo,+ uqhubeka uthe cwaka xa ongendawo eginya olilungisa ngaphezu kwakhe?+ 14  Yaye kutheni na usenza umntu wasemhlabeni abe njengeentlanzi zolwandle, njengezinto ezirhubuluzayo ezingenamlawuli?+ 15  Bonke aba ubanyuse ngegwegwe lokuloba iintlanzi;+ ubarhuqa emke nabo ngomnatha wakhe orhuqwayo, abahlanganise ngomnatha wakhe wokuloba.+ Kungenxa yoko enemihlali yaye evuya.+ 16  Kungenxa yoko enikela umbingelelo kumnatha wakhe orhuqwayo aze aqhumise umbingelelo kumnatha wakhe wokuloba; kuba ngayo isahlulo sakhe sineoli eninzi, nokutya kwakhe kunempilo.+ 17  Ngaba kungenxa yoko eya kuwuqongqotha umnatha wakhe, yaye ngaba umele azibulale rhoqo iintlanga, ngoxa engabonisi imfesane?+

Umbhalo osemazantsi