Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 6:1-22

6  Kuthe bakuqala ukwanda abantu phezu komhlaba bazala neentombi,+  baziphawula+ ke oonyana boTHIXO oyinyaniso+ iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.  Emva koko wathi uYehova: “Umoya wam+ awusayi kusebenza ngokungenammiselo emntwini+ ngokuba eyinyama.+ Ngako oko imihla yakhe iya kuba likhulu elinamashumi amabini eminyaka.”+  Kwaye kukho iiNefili emhlabeni ngaloo mihla, yaye emva koko, xa oonyana boTHIXO oyinyaniso baba neentlobano zokwazana neentombi zabantu zaza zabazalela oonyana, baba ngamadoda akudala anamandla, nadumileyo.  Ngenxa yoko uYehova wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango+ zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.+  Waza uYehova wazisola+ ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.+  Ngoko uYehova wathi: “Ndiza kubasusa kuthi tu phezu komhlaba abantu endibadalileyo,+ ndisusele emntwini ndise kwisilwanyana sasekhaya, nakwisinambuzane kwanakwisidalwa esiphaphazelayo sasemazulwini,+ ngokuba ndiyazisola kuba ndibenzile.”+  Kodwa uNowa yena wakholeka emehlweni kaYehova.  Yiyo le imbali kaNowa. UNowa wayeyindoda elilungisa.+ Wangqineka engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe. UNowa wahamba noTHIXO oyinyaniso.+ 10  Ekuhambeni kwexesha uNowa wazala oonyana abathathu, uShem, uHam noYafete.+ 11  Umhlaba wawonakele emehlweni oTHIXO oyinyaniso+ yaye umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo.+ 12  Ngoko uThixo wawubona umhlaba yaye, khangela! wonakele,+ kuba yonke inyama yayiyonakalisile indlela yayo emhlabeni.+ 13  Emva koko uThixo wathi kuNowa: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam,+ kuba umhlaba uzele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona kunye nomhlaba.+ 14  Zenzele umkhombe ngomthi onentlaka.+ Uze wenze amacandelo emkhombeni, yaye umele uwugubungele ngetela+ ngaphakathi nangaphandle. 15  Nantsi indlela oya kuwenza ngayo: ubude bomkhombe bube ngamakhulu amathathu eekubhite,+ ububanzi bawo bube ngamashumi amahlanu eekubhite, kuze ukuphakama kwawo kube ngamashumi amathathu eekubhite. 16  Uze wenze itsohare [uphahla; okanye, ifestile] emkhombeni, yaye ukuyigqiba kwakho imele ibe kumlinganiselo wekubhite ukusuka phezulu, kwaye umnyango womkhombe uze uwumise ecaleni lawo;+ uwenze ube nomgangatho ongaphantsi, umgangatho wesibini nomgangatho wesithathu. 17  “Mna ke, uyabona, ndizisa unogumbe+ wamanzi emhlabeni ukuze onakalise yonke inyama asebenzayo kuyo amandla obomi+ phantsi kwamazulu. Yonke into esemhlabeni iya kubhubha.+ 18  Yaye ndikumisela umnqophiso; umele ungene emkhombeni, wena kunye noonyana bakho nomfazi wakho nabafazi boonyana bakho.+ 19  Yaye kwizidalwa zonke eziphilayo zalo lonke uhlobo lwenyama,+ uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo, ukuze zisinde kunye nawe.+ Yoba yinkunzi nemazi. 20  Kuzo izidalwa eziphaphazelayo ngohlobo lwazo nakwizilwanyana zasekhaya ngohlobo lwazo,+ kwizinambuzane zonke zomhlaba ngohlobo lwazo, uze ungenise ngambini kuzo zibe kunye nawe ukuze zisindiswe.+ 21  Wena ke, zithabathele lonke uhlobo lokutya okudliwayo;+ ukuhlanganisele kuwe, kube kukudla kwakho nazo.”+ 22  Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.+

Umbhalo osemazantsi