Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Gen 5:1-32

5  Yiyo le incwadi engembali ka-Adam. Mhla uThixo wadala uAdam wamenza ngokufana noThixo.+  Wadala indoda nebhinqa.+ Emva koko wabasikelela waza wababiza ngegama elithi uMntu+ ngomhla wokudalwa kwabo.+  UAdam waphila iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu. Wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, waza wambiza ngegama elinguSete.+  Imihla ka-Adam emva kokuzala kwakhe uSete yaba ngamakhulu asibhozo eminyaka. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.+  Ngoko iyonke imihla awayiphilayo uAdam yaba ngamakhulu asithoba anamashumi amathathu eminyaka waza wafa.+  Yena uSete waphila iminyaka elikhulu elinantlanu. Wazala uEnoshi.+  Yaye emva kokuzala kwakhe uEnoshi uSete waphila iminyaka engamakhulu asibhozo anesixhenxe. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.  Ngoko iyonke imihla kaSete yaba ngamakhulu asithoba aneshumi elinesibini leminyaka waza wafa.  Yena uEnoshi waphila iminyaka engamashumi asithoba. Wazala uKenan.+ 10  Yaye emva kokuzala kwakhe uKenan uEnoshi waphila iminyaka engamakhulu asibhozo aneshumi elinesihlanu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 11  Ngoko iyonke imihla kaEnoshi yaba ngamakhulu asithoba anesihlanu eminyaka waza wafa. 12  Yena uKenan waphila iminyaka engamashumi asixhenxe. Wazala uMahalaleli.+ 13  Yaye emva kokuzala kwakhe uMahalaleli uKenan waphila iminyaka engamakhulu asibhozo anamashumi amane. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 14  Ngoko iyonke imihla kaKenan yaba ngamakhulu asithoba aneshumi leminyaka waza wafa. 15  Yena uMahalaleli waphila iminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu. Wazala uYaredi.+ 16  Yaye emva kokuzala kwakhe uYaredi uMahalaleli waphila iminyaka engamakhulu asibhozo anamashumi amathathu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 17  Ngoko iyonke imihla kaMahalaleli yaba ngamakhulu asibhozo anamashumi asithoba anesihlanu eminyaka waza wafa. 18  Yena uYaredi waphila iminyaka elikhulu elinamashumi amathandathu anesibini. Wazala uEnoki.+ 19  Yaye emva kokuzala kwakhe uEnoki uYaredi waphila iminyaka engamakhulu asibhozo. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 20  Ngoko iyonke imihla kaYaredi yaba ngamakhulu asithoba anamashumi amathandathu anesibini eminyaka waza wafa. 21  Yena uEnoki waphila iminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu. Wazala uMethusela.+ 22  Yaye emva kokuzala kwakhe uMethusela uEnoki waqhubeka ehamba noTHIXO oyinyaniso iminyaka engamakhulu amathathu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 23  Ngoko iyonke imihla kaEnoki yaba ngamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesihlanu eminyaka. 24  Yaye uEnoki wahlala ehamba+ noTHIXO oyinyaniso.+ Wandula ke wanyamalala, kuba uThixo wamthabatha.+ 25  Yena uMethusela waphila iminyaka elikhulu elinamashumi asibhozo anesixhenxe. Wazala uLameki.+ 26  Yaye emva kokuzala kwakhe uLameki uMethusela waphila iminyaka engamakhulu asixhenxe anamashumi asibhozo anesibini. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 27  Ngoko iyonke imihla kaMethusela yaba ngamakhulu asithoba anamashumi amathandathu anesithoba eminyaka waza wafa. 28  Yena uLameki waphila iminyaka elikhulu elinamashumi asibhozo anesibini. Wazala unyana. 29  Wambiza ngegama elinguNowa,+ esithi: “Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu nasekuveni ubuhlungu kwezandla zethu ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo uYehova.”+ 30  Yaye emva kokuzala kwakhe uNowa uLameki waphila iminyaka engamakhulu amahlanu anamashumi asithoba anesihlanu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi. 31  Ngoko iyonke imihla kaLameki yaba ngamakhulu asixhenxe anamashumi asixhenxe anesixhenxe eminyaka waza wafa. 32  Ke uNowa waba neminyaka engamakhulu amahlanu ubudala. Emva koko uNowa wazala uShem,+ uHam+ noYafete.+

Umbhalo osemazantsi