Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 48:1-22

48  Kwathi emva kwezi zinto kwathiwa kuYosefu: “Khangela, uyihlo uya esiba buthathaka.” Ngoko wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim.+  Waxelelwa ke uYakobi kwathiwa: “Nanku unyana wakho uYosefu uze kuwe.” Ngoko uSirayeli wazomeleza waza wahlala nkqo esingqengqelweni sakhe.  Waza wathi uYakobi kuYosefu: “UThixo uSomandla wabonakala kum eLuzi+ ezweni lakwaKanan waza wandisikelela.+  Yaye wathi kum, ‘Yabona, ndiya kukuqhamisa,+ ndikwandise ndize ndikwenze ube libandla lezizwana+ kwaye ndiya kulinika imbewu yakho emva kwakho eli lizwe ukuze ilidle ilifa ixesha elingenammiselo.’+  Ngako oko oonyana bakho ababini abazalelwe ezweni laseYiputa ngaphambi kokuza kwam kuwe apha eYiputa, ngabam.+ UEfrayim noManase baya kuba ngabam njengoRubhen noSimeyon.+  Kodwa othe wabazala emva kwabo baya kuba ngabakho. Elabo ilifa bolizuza+ egameni labantakwabo.  Ke mna, ekumkeni kwam ePadan,+ uRakeli wafa+ ecaleni kwam ezweni lakwaKanan, endleleni, ngoxa kwakusasele umgama omde ngaphambi kokufika e-Efrata,+ ndaza ndamngcwaba apho endleleni yase-Efrata, oko kukuthi, eBhetelehem.”+  Wababona ke uSirayeli oonyana bakaYosefu waza wathi: “Ngoobani na aba?”+  Ngoko uYosefu wathi kuyise: “Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo kule ndawo.”+ Waza wathi yena: “Nceda, ubazise kum, ukuze ndibasikelele.”+ 10  Aye ke amehlo kaSirayeli enorhatyazo bubudala.+ Wayengasaboni. Wabasondeza ke kuye, waza yena wabanga, wabawola.+ 11  Wathi ke uSirayeli kuYosefu: “Ndandingacingi ukuba ndingaze ndibubone ubuso bakho,+ kodwa naku uThixo endenze ndabona kwanenzala yakho.” 12  Emva koko uYosefu wabasusa emadolweni akhe, waza waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.+ 13  UYosefu wabathabatha ke bobabini, uEfrayim ngesandla sakhe sokunene, wamnikela kwesasekhohlo sikaSirayeli,+ noManase ngesandla sakhe sasekhohlo, wamnikela kwesasekunene sikaSirayeli,+ waza wabasondeza kuye. 14  Noko ke, uSirayeli wasolula isandla sakhe sasekunene waza wasibeka phezu kwentloko kaEfrayim,+ nangona wayengomncinane,+ saza isandla sakhe sasekhohlo saphezu kwentloko kaManase.+ Wazibeka ngenjongo izandla zakhe ngaloo ndlela, ekubeni uManase wayengowamazibulo.+ 15  Wamsikelela uYosefu, wathi:+ “UTHIXO oyinyaniso abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake,+UTHIXO oyinyaniso ondalusileyo ebudeni babo bonke ubukho bam kwada kwangalo mhla,+ 16  Ingelosi endihlanguleyo kuyo yonke intlekele,+ ngamana ingawasikelela la makhwenkwe.+Igama lam malibizwe phezu kwawo negama loobawo, uAbraham noIsake,+Mawande abe maninzi emhlabeni.”+ 17  Wathi uYosefu akubona ukuba uyise uqhubeka ebeke isandla sakhe sasekunene entlokweni kaEfrayim, akakholiswa koko,+ waza wazama ukusibamba isandla sikayise ukuze asishenxise entlokweni kaEfrayim, asibeke entlokweni kaManase.+ 18  Ngoko ke uYosefu wathi kuyise: “Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo.+ Beka isandla sakho sasekunene entlokweni yakhe.” 19  Kodwa uyise wala waza wathi: “Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi. Naye uya kuba sisizwana yaye naye uya kuba mkhulu.+ Kodwa ke, nangona kunjalo, yena umninawa wakhe uya kuba mkhulu kunaye,+ nenzala yakhe ibe ziintlanga ezininzi.”+ 20  Waqhubeka ebasikelela ngaloo mini,+ esithi: “Ngawe makavakalise intsikelelo ngokuphindaphindiweyo uSirayeli, esithi,‘Ngamana uThixo angakwenza ube njengoEfrayim nanjengoManase.’”+ Ngaloo ndlela wambeka uEfrayim phambi koManase.+ 21  Emva koko uSirayeli wathi kuYosefu: “Khangela, sele ndiza kufa,+ kodwa ngokuqinisekileyo uThixo uya kuqhubeka enani aze anibuyisele ezweni lookhokho benu.+ 22  Mna ke, ndikunika isiqwenga somhlaba esingakumbi kunabantakwenu,+ eso ndasithabatha esandleni sama-Amori ngekrele lam nangesaphetha sam.”

Umbhalo osemazantsi