I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 40:1-23

40  Kwathi emva kwezi zinto, umngcamli+ wokumkani waseYiputa, nombhaki, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.+  Yaye amcaphukisa uFaro loo magosa akhe mabini,+ intloko yabangcamli nentloko yababhaki.+  Ngoko wabaphosa entolongweni, endlwini yentloko yamafanankosi,+ endlwini yentolongo,+ ndawo leyo uYosefu wayelibanjwa kuyo.  Intloko yamafanankosi yabela uYosefu ukuba abe kunye nabo ukuze abanyamekele;+ yaye zaqengqeleka iintsuku besentolongweni.  Baphupha iphupha bobabini,+ ngamnye iphupha lakhe ngabusuku bunye,+ ngamnye iphupha lakhe elahlukileyo kwelomnye,+ umngcamli nombhaki bokumkani waseYiputa ababengamabanjwa endlwini yentolongo.+  Akufika kubo uYosefu kusasa, wababona bekhangeleka bedakumbile.+  Waza wawabuza loo magosa kaFaro awayekunye naye entolongweni, endlwini yenkosi yakhe, esithi: “Kutheni nidakumbile nje namhlanje?”+  Bathi kuye: “Siphuphe iphupha, yaye asinatoliki.” Ngoko uYosefu wathi kuwo: “AsikokukaThixo na ukutolika?+ Khanincede, nindibalisele lona.”  Intloko yabangcamli yambalisela uYosefu iphupha layo, yathi kuye: “Ephupheni lam, ndibone umdiliya uphambi kwam. 10  Emdiliyeni lowo kwakukho amasetyana amathathu, yaye wawungathi uhluma amathupha.+ Zadubula iintyatyambo zawo. Zavuthwa iidiliya zezihloko zawo. 11  Indebe kaFaro yayisesandleni sam, ndaza ndazithabatha iidiliya ezo ndazifaxangela endebeni kaFaro.+ Emva koko ndayinikela indebe esandleni sikaFaro.”+ 12  Wathi ke uYosefu kuyo: “Naku ukutolikwa kwalo:+ Amasetyana lawo mathathu ziintsuku ezintathu. 13  Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku uFaro uya kuyiphakamisa intloko yakho aze ngokuqinisekileyo akubuyisele kwisigxina sakho;+ kwaye uya kuyinikela ngokuqinisekileyo indebe kaFaro esandleni sakhe, ngokwesiko langaphambili xa wawusebenza njengomngcamli wakhe.+ 14  Noko ke, uze undikhumbule kamsinya nje usakulungelwa,+ yaye uze, uncede, undenzele ububele bothando, undikhankanye kuFaro,+ undikhuphe kule ndlu. 15  Ngokuba eneneni ndaqweqwediswa ezweni lamaHebhere;+ nalapha andenzanga nto konke konke, ukuba bandifake emhadini wentolongo.”+ 16  Yathi yakubona intloko yababhaki ukuba utolike okuthile okulungileyo, nayo, yathi kuYosefu: “Nam ndiphuphile, yaye ndibone iingobozi ezintathu zesonka esimhlophe entlokweni yam, 17  yaye kweyona ngobozi iphezulu kwakukho zonke iintlobo zezidlo zikaFaro,+ imveliso yombhaki, kwaye zazidliwa ziintaka+ engobozini phezu kwentloko yam.” 18  Waphendula ke uYosefu wathi: “Naku ukutolikwa kwalo:+ Iingobozi ezo zintathu ziintsuku ezintathu. 19  Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku uFaro uya kuyiphakamisa isuke intloko yakho kuwe aze ngokuqinisekileyo akuxhome esibondeni;+ zize ngokuqinisekileyo iintaka ziyidle inyama yakho.”+ 20  Ke kaloku ngosuku lwesithathu olo, yaba ngumhla wokuzalwa kukaFaro,+ yaye wabenzela itheko bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli nentloko yomphathi wababhaki phakathi kwabakhonzi bakhe.+ 21  Ngako oko wayibuyisela intloko yabangcamli esikhundleni sayo sobungcamli,+ yaza yayinikela indebe esandleni sikaFaro. 22  Kodwa yona intloko yababhaki wayixhoma,+ kanye njengoko uYosefu wayebatolikele.+ 23  Noko ke, intloko yabangcamli ayimkhumbulanga uYosefu, yasuka yamlibala.+

Umbhalo osemazantsi