I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 33:1-20

33  Ekuhambeni kwexesha uYakobi wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela, wabona uEsawu esiza namadoda angamakhulu amane.+ Ngenxa yoko wabahlulahlula abantwana phakathi koLeya noRakeli nezicakakazi zakhe zozibini,+  wabeka izicakakazi nabantwana bazo phambili,+ uLeya nabantwana bakhe emva kwabo,+ baza bona uRakeli noYosefu baba sekugqibeleni.+  Ke yena wadlulela phambi kwabo waza waqubuda emhlabeni kasixhenxe wada wasondela kumntakwabo.+  Yaye uEsawu wabaleka ukuya kumhlangabeza,+ waza wamwola,+ wawa entanyeni yakhe, wamanga, baziphalaza iinyembezi.  Wandula waphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi: “Ngoobani na aba banawe?” waza yena wathi: “Ngabantwana athe uThixo wambabala ngabo umkhonzi wakho.”+  Zasondela ke izicakakazi ezo, zona nabantwana bazo, baqubuda;  wasondela noLeya, nabantwana bakhe, baqubuda, kwaza emva koko kwasondela uYosefu, noRakeli, baqubuda.+  Wandula ke wathi: “Ngawantoni na la maqela ndiye ndahlangana nawo?”+ Wathi yena: “Injongo ibikukuze ndikholeke emehlweni enkosi yam.”+  Wathi ke uEsawu: “Ndinokuninzi kakhulu, mntakwethu.+ Okwakho makube kokwakho.” 10  Noko ke, uYakobi wathi: “Hayi kaloku. Ukuba ndikholekile emehlweni akho,+ umele ke ngoko usithabathe isipho sam esandleni sam, kuba kungenxa yaso le nto ekuboneni kwam ubuso bakho kube ngathi ndibone ubuso bukaThixo ekubeni undamkele ngenkoliseko.+ 11  Khawuncede ke, usithabathe isipho sam sentsikelelo esiziswe kuwe,+ ngenxa yokuba uThixo ukholisiwe ndim nangenxa yokuba ndinento yonke.”+ Yaye waqhubeka embongoza, wada wasithabatha.+ 12  Kamva wathi: “Masinduluke sihambe, yaye mna ndohamba phambi kwakho.” 13  Kodwa wathi kuye: “Inkosi yam iyazi ukuba abantwana babuthathaka yaye kufuneka ndicingele+ nezimvu kwaneenkomo ezanyisayo, yaye ukuba zikhe zaxheshwa usuku nje olunye, ngokuqinisekileyo ungafa wonke lo mhlambi.+ 14  Mayincede ke ngoko, inkosi yam, idlulele ngaphambi komkhonzi wayo, kodwa mna ndothi chu kuhle nohambo ngokwesantya semfuyo+ ephambi kwam nangokwesantya sabantwana+ ndide ndifike enkosini yam eSehire.”+ 15  Wathi uEsawu: “Xa kunjalo ke, mandikunike abathile kwaba bantu bakunye nam.” Wathi yena: “Ngani na? Ngamana ndingakholeka emehlweni enkosi yam.”+ 16  Ngoko ngaloo mini uEsawu wangena endleleni ebuyela eSehire. 17  Wanduluka ke uYakobi waya eSukoti,+ waza wazakhela indlu, wenzela nomhlambi wakhe iminquba.+ Kungenxa yoko le nto walibiza igama laloo ndawo ngokuthi yiSukoti. 18  Ekuhambeni kwexesha uYakobi wafika enqabisekile kwisixeko sakwaShekem,+ esisezweni lakwaKanan,+ evela ePadan-aram;+ yaye wamisa inkampu phambi kweso sixeko. 19  Wandula ke wazuza isiqwenga sentsimi esandleni soonyana bakaHamore uyise kaShekem, ngekhulu lamaqhosha emali, waza wayimisa khona intente yakhe.+ 20  Emva koko wamisa khona isibingelelo waza wasibiza ngokuba nguThixo, uTHIXO kaSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi