Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 20:1-18

20  Ke kaloku uAbraham wayifudusa inkampu yakhe apho+ waya kwilizwe laseNegebhi waza wahlala phakathi kweKadeshe+ neShure,+ wahlala njengomphambukeli eGerare.+  Waphinda wathi uAbraham ngoSara umfazi wakhe: “Ngudade wethu.”+ Ngoko uAbhimeleki ukumkani waseGerare wathumela ukuba athatyathelwe uSara.+  Emva koko uThixo wafika kuAbhimeleki ephupheni ngobusuku waza wathi kuye: “Yabona, ungofileyo ngenxa yomfazi omthabathileyo,+ ekubeni engumkamntu.”+  Noko ke, uAbhimeleki akasondelanga kuye.+ Ngoko ke wathi: “Yehova, uya kulubulala kusini na uhlanga olunobulungisa ngokwenene?+  Akatshongo na yena kum ukuthi, ‘Ngudade wethu’? naye—akatshongo na ukuthi, ‘Ngumntakwethu’? Oku ndikwenze ngentliziyo enyanisekileyo nangezandla ezimsulwa.”+  Ngoko uTHIXO oyinyaniso wathi kuye ephupheni: “Nam ndiyazi ukuba ukwenze ngentliziyo enyanisekileyo oku,+ ndaza ke ndakunqanda ukuba ungoni kum.+ Kungenxa yoko le nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise.+  Ngoko ke mbuyisele umfazi wale ndoda, kuba ingumprofeti,+ kwaye iya kukwenzela isikhungo.+ Ngoko qhubeka uphila. Kodwa ukuba akumbuyisi, yazi ukuba uya kufa ngokuqinisekileyo, wena nabo bonke abanawe.”+  Ngoko uAbhimeleki wavuka ekuseni waza wabiza bonke abakhonzi bakhe, wazithetha zonke ezi zinto ezindlebeni zabo. Yaye amadoda lawo oyika kakhulu.  Wandula ke uAbhimeleki wabiza uAbraham waza wathi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo kuthi, kwaye ndikone ngantoni na, ukuba undizisele mna nobukumkani bam isono esikhulu kangaka?+ Ibingafanele kwenziwa ke noko le nto undenze yona.”+ 10  Waza wahlabela mgama uAbhimeleki esithi kuAbraham: “Ibiyintoni na injongo yokwenza kwakho le nto?”+ 11  Wathi uAbraham: “Kungenxa yokuba ndizixelele ukuba, ‘Ngaphandle kwamathandabuzo akukho ukoyika uThixo kule ndawo,+ yaye ngokuqinisekileyo baya kundibulala ngenxa yomfazi wam.’+ 12  Kwaye eneneni, ngudade wethu, intombi kabawo, kuphela nje akayiyo intombi kamama; waza ke waba ngumfazi wam.+ 13  Yaye kwathi, uThixo akundindulula endlwini kabawo,+ ndathi kuye, ‘Nabu ububele bothando+ owondenzela bona: Kuzo zonke iindawo esiya kufika kuzo uze uthi ngam: “Ngumntakwethu.”’”+ 14  Emva koko uAbhimeleki wathabatha izimvu neenkomo nezicaka nezicakakazi wazinika uAbraham waza wambuyisela kuye nomfazi wakhe uSara.+ 15  Ngokubhekele phaya uAbhimeleki wathi: “Nali ilizwe lam liphambi kwakho. Hlala apho kulungileyo emehlweni akho.”+ 16  Waza wathi kuSara: “Yabona, umntakwenu+ ndimnike imali eliwaka lamaqhosha esilivere. Yona isisigqubuthelo+ samehlo kubo bonke abakunye nawe, naphambi kwakhe wonke ubani, kwaye lususiwe ungcikivo kuwe.” 17  Yaye uAbraham wenza isikhungo kuTHIXO oyinyaniso;+ uThixo ke wamphilisa uAbhimeleki nomfazi wakhe namakhobokazana akhe, baza baqalisa ukuzala abantwana. 18  Kuba uYehova wayezivale vingci zonke izibeleko endlwini ka-Abhimeleki ngenxa kaSara, umfazi ka-Abraham.+

Umbhalo osemazantsi