I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 17:1-27

17  Kwathi xa uAbram aneminyaka engamashumi asithoba anesithoba ubudala, wabonakala uYehova kuAbram waza wathi kuye:+ “NdinguThixo uSomandla.+ Hamba phambi kwam uze ungqineke ungenasiphoso.+  Yaye ndiya kuwumisa umnqophiso wam phakathi kwam nawe,+ ukuze ndikwandise kakhulu kunene.”+  Wawa ke uAbram ngobuso,+ waza uThixo waqhubeka ethetha naye, esithi:  “Mna ke, khangela! ndikumisela umnqophiso,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuba nguyise weentlanga ezininzi.+  Kananjalo akusayi kuba sathiwa igama lakho nguAbram, kunoko igama lakho limele libe nguAbraham, kuba ndiza kukwenza ube nguyise weentlanga ezininzi.  Kwaye ndiza kukwenza uqhame kakhulu kunene, ndikwenze ube ziintlanga, kuphume ookumkani kuwe.+  “Ndiza kuwuphumeza umnqophiso wam ophakathi kwam nawe+ nembewu yakho emva kwakho ngokwezizukulwana zayo, ube ngumnqophiso wexesha elingenammiselo,+ ukuze ndizingqine ndinguThixo kuwe nakwimbewu yakho emva kwakho.+  Ndilinike wena nembewu yakho ilizwe ophambukele kulo,+ nelizwe lakwaKanan liphela, ukuba ulidle ilifa ukusa kwixesha elingenammiselo; yaye ndiza kuzingqina ndinguThixo kubo.”+  Waza ngokubhekele phaya wathi uThixo kuAbraham: “Wena ke, uze uwugcine umnqophiso wam, wena nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo.+ 10  Nguwo lo umnqophiso wam enimele niwugcine, ophakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho:+ Yonke into eyindoda kuni imele yaluswe.+ 11  Nimele naluswe inyama yejwabi, yaye oko kumele kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.+ 12  Yonke into eyindoda kuni eneentsuku ezisibhozo ubudala imele yaluswe,+ ngokwezizukulwana zenu, nabani na ozelwe endlwini naye nabani na othengwe ngemali kuye nabani na ongowasemzini ongenguye owembewu yakho. 13  Yonke indoda ezelwe endlwini yakho nayo yonke indoda ethengwe ngemali yakho imele yaluswe;+ kwaye umnqophiso wam enyameni yenu umele ube ngumnqophiso wexesha elingenammiselo.+ 14  Yona ke indoda eyalayo ukwaluswa enyameni yayo yejwabi, loo mphefumlo mawunqunyulwe ebantwini bakowabo.+ Uwaphule umnqophiso wam.” 15  Waza uThixo wahlabela mgama wathi kuAbraham: “Yena uSarayi umfazi wakho, uze ungambizi ngegama lokuba nguSarayi, kuba nguSara igama lakhe.+ 16  Ndiza kumsikelela ndize ndikunike unyana ngaye;+ yaye ndiza kumsikelela abe ziintlanga;+ kuya kuphuma ookumkani bezizwana kuye.”+ 17  Wasuka uAbraham wawa ngobuso wahleka waza wathi entliziyweni yakhe:+ “Indoda eneminyaka elikhulu ubudala ingaba sazala umntwana na, yena uSara, umfazi ominyaka imashumi asithoba ubudala, angaba sazala na?”+ 18  Emva koko uAbraham wathi kuTHIXO oyinyaniso: “Owu akwaba nje uIshmayeli angaphila phambi kwakho!”+ 19  Wathi uThixo: “Eneneni uSara umfazi wakho uya kukuzalela unyana, yaye uze umthiye igama elinguIsake.+ Ndiza kuwumisa naye umnqophiso wam, ube ngumnqophiso wexesha elingenammiselo kwimbewu yakhe emva kwakhe.+ 20  Kodwa ngokubhekisele kuIshmayeli ndikuvile. Khangela! ndiza kumsikelela ndize ndimenze aqhame, ndimandise kakhulu kunene.+ Ngokuqinisekileyo uya kuvelisa izikhulu ezilishumi elinesibini, yaye ndiza kumenza abe luhlanga olukhulu. + 21  Noko ke, umnqophiso wam wona ndiya kuwumisa noIsake, + oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha limisiweyo kunyaka ozayo.”+ 22  Wagqiba ke uThixo ukuthetha naye waza wenyuka wemka kuAbraham.+ 23  Ngoko uAbraham wathabatha uIshmayeli unyana wakhe namadoda onke azalelwe endlwini yakhe naye wonk’ ubani othengwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, waza wabalusa inyama yamajwabi abo kwangaloo mini, kanye njengoko uThixo wayethethile kuye.+ 24  Yaye uAbraham wayeneminyaka engamashumi asithoba anesithoba ubudala ekwalusweni kwenyama yejwabi lakhe.+ 25  Yena uIshmayeli unyana wakhe wayeneminyaka elishumi elinesithathu ubudala ekwalusweni kwenyama yejwabi lakhe.+ 26  Waluswa kwangaloo mini uAbraham, kwanoIshmayeli unyana wakhe.+ 27  Yaye onke amadoda angawendlu yakhe, lawo azalelwe endlwini nalawo athengwe ngemali kowasemzini, aluswa kunye naye.+

Umbhalo osemazantsi