I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 16:1-16

16  Ke kaloku uSarayi, umfazi ka-Abram, akamzalelanga bantwana;+ kodwa wayenesicakakazi esingumYiputa esigama linguHagare.+  Ngoko ke uSarayi wathi kuAbram: “Khawuncede kaloku! UYehova undivalile ukuba ndingazali bantwana.+ Nceda ke, ube neentlobano zokwazana nesicakakazi sam. Mhlawumbi ndingafumana abantwana kuso.”+ Ngoko uAbram waliphulaphula ilizwi likaSarayi.+  Wandula ke uSarayi, umfazi ka-Abram, wamthabatha uHagare, isicakakazi sakhe somYiputa, emva kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, waza wamnika uAbram indoda yakhe njengomfazi wakhe.+  Ngako oko waba neentlobano zokwazana noHagare, waza wamitha. Uthe akuziqonda ukuba umithi, wamdela+ uSarayi.  Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ukoniwa kwam makube phezu kwakho. Mna lo ndanikela isicakakazi sam esifubeni sakho, saza sakuqonda ukuba simithi, ndadeleka emehlweni aso. Ngamana uYehova angagweba phakathi kwam nawe.”+  Ngoko uAbram wathi kuSarayi:+ “Khangela! Isicakakazi sakho sisesandleni sakho. Yenza kuso okulungileyo emehlweni akho.”+ Waza ke uSarayi wasicinezela ngokokude sibaleke simke kuye.+  Kamva ingelosi kaYehova+ yasifumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.+  Yaza yathi: “Hagare, sicakakazi sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?” Yena wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi yam.”  Yaza ingelosi kaYehova yathi kuye: “Buyela kwinkosikazi yakho uze uzithobe phantsi kwesandla sayo.”+ 10  Yandula yathi ingelosi kaYehova kuye: “Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho,+ ngokokude ingabi nakubalwa ngangobuninzi bayo.”+ 11  Ngokubhekele phaya ingelosi kaYehova yongeza yathi kuye: “Yabona umithi, kwaye uza kuzala unyana yaye uze umthiye igama elinguIshmayeli;+ kuba uYehova uyivile inkxwaleko yakho.+ 12  Yena ke, uya kuba liqwarhashe lomntu. Isandla sakhe siya kuchasana naye wonk’ ubani, nesandla sakhe wonk’ ubani sichasane naye;+ yaye uya kumisa umnquba wakhe phambi kwabo bonke abantakwabo.”+ 13  Waza ke wabiza egameni likaYehova, owayethetha naye, esithi: “Wena unguThixo obonayo,”+ kuba wathi: “Ngaba ngenene ndibone lowo undibonayo?” 14  Kungenxa yoko le nto elo qula labizwa ngokuba yiBhere-lahayi-royi.+ Nalo phakathi kweKadeshe neBheredi. 15  Ethubeni uHagare wamzalela uAbram unyana waza uAbram wamthiya unyana wakhe lowo wazalwa nguHagare igama elinguIshmayeli.+ 16  Yaye uAbram wayeneminyaka engamashumi asibhozo anesithandathu ubudala xa uHagare wazalela uAbram uIshmayeli.

Umbhalo osemazantsi